IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Yiyo le incwadi yenzala ka-Adam. Mhlana uThixo wamdala umntu, wamenza ngokufana noThixo. |
| 2 |
| Wadala indoda nenkazana, wabasikelela, wabathiya igama elinguAdam, mhlana wabadala. |
| 3 |
| UAdam wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, wamthiya igama elinguSete. |
| 4 |
| Imihla ka-Adam emveni kokuzala kwakhe uSete yaba yiminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi. |
| 5 |
| Iyonke imihla ka-Adam, awahlala ngayo, yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathathu; wafa ke. |
| 6 |
| USete wahlala iminyaka elikhulu elinaminyaka mihlanu, wazala uEnoshe. |
| 7 |
| USete wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoshe iminyaka emakhulu asibhozo aneminyaka esixhenxe; wazala oonyana neentombi. |
| 8 |
| Iyonke imihla kaSete yaba yiminyaka emakhulu asithoba anashumi-nye linamibini; wafa ke. |
| 9 |
| UEnoshe wahlala iminyaka emashumi asithoba, wazala uKenan. |
| 10 |
| UEnoshe wahlala emveni kokuzala kwakhe uKenan iminyaka emakhulu asibhozo anashumi-nye linamihlanu; wazala oonyana neentombi. |
| 11 |
| Iyonke imihla kaEnoshe yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamihlanu; wafa ke. |
| 12 |
| UKenan wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uMahalaleli. |
| 13 |
| UKenan wahlala emveni kokuzala kwakhe uMahalaleli iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mane: wazala oonyana neentombi. |
| 14 |
| Iyonke imihla kaKenan yaba yiminyaka emakhulu asithoba, aneminyaka elishumi; wafa ke. |
| 15 |
| UMahalaleli wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uYerede. |
| 16 |
| UMahalaleli wahlala emveni kokuzala kwakhe uYerede iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mathathu; wazala oonyana neentombi. |
| 17 |
| Iyonke imihla kaMahalaleli yaba yiminyaka emakhulu asibhozo anamanci asithoba anamihlanu; wafa ke. |
| 18 |
| UYerede wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathandathu anamibini, wazala uEnoki. |
| 19 |
| UYerede wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoki iminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi. |
| 20 |
| Iyonke imihla kaYerede yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathandathu anamihlanu, anamibini; wafa ke. |
| 21 |
| UEnoki wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uMethusela. |
| 22 |
| UEnoki wahamba noThixo, emveni kokuzala kwakhe uMethusela, iminyaka emakhulu mathathu; wazala oonyana neentombi. |
| 23 |
| Iyonke imihla kaEnoki yaba yiminyaka emakhulu mathathu, anamanci mathandathu anamihlanu. |
| 24 |
| UEnoki wahamba noThixo; akabakho, ngokuba uThixo wamthabatha. |
| 25 |
| UMethusela wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anesixhenxe, wazala uLameki. |
| 26 |
| UMethusela wahlala emveni kokuzala kwakhe uLameki iminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asibhozo anamibini; wazala oonyana eneentombi. |
| 27 |
| Iyonke imihla kaMethusela yaba yiminyaka emakhulu asithoba, anamanci mathandathu anesithoba; wafa ke. |
| 28 |
| ULameki wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anamibini; wazala unyana. |
| 29 |
| Wamthiya igama elinguNowa, esithi, Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu, nasekubulalekeni kwezandla zethu, ngenxa yomhlaba awawuqalekisayo uYehova. |
| 30 |
| ULameki wahlala emveni kokuzala kwakhe uNowa iminyaka emakulu mahlanu anamanci asithoba anamihlanu; wazala oonyana neentombi. |
| 31 |
| Iyonke imihla kaLameki yaba yiminyaka emakhulu asixhenxe anesixhenxe; wafa ke. |
| 32 |
| Ke uNowa ebeminyaka imakhulu mahlanu ezelwe; uNowa wazala ooShem noHam noYafete. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/genesis/005.mp3
50
5