IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Zeza zonke izizwe zakwaSirayeli kuDavide eHebron, zatsho ukuthi, Uyabona, silithambo lakho nenyama yakho. |
| 2 |
| Kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani kuthi, ibinguwe obesakuphuma ungena namaSirayeli. UYehova wathi kuwe, Wena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli, wena uya kuba yinganga yamaSirayeli. |
| 3 |
| Aya ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani eHebron.Wenza umnqophiso nawo ukumkani uDavide eHebron phambi koYehova;amthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani wamaSirayeli. |
| 4 |
| UDavide ubeminyaka imashumi mathathu ezelwe, ukwenziwa kwakhe ukumkani; waba neminyaka emashumi mane engukumkani. |
| 5 |
| Waba ngukumkani wakwaYuda eHebron iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu; eYerusalem waba ngukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu kumaSirayeli onke namaYuda. |
| 6 |
| Ukumkani waya namadoda akwakhe eYerusalem kumaYebhusi. Abemi belo zwe bathi kuDavide, Akusayi kungena apha; kuba iimfama neziqhwala zokugxotha. Batsho beba uDavide akasayi kungena apho. |
| 7 |
| UDavide wayithimba imboniselo yeZiyon: ngumzi kaDavide ke lowo. |
| 8 |
| Wathi uDavide ngaloo mini, Bonke abaxabela amaYebhusi, mabaziwise engxangxasini iziqhwala kwaneemfama ezithiyekileyo emphefumlweni kaDavide. Ngenxa yoko bathi, Iimfama neziqhwala aziyi kungena endlwini. |
| 9 |
| UDavide wahlala emboniselweni, wayibiza ngokuthi ngumzi kaDavide. UDavide wakha ngeenxa zonke, wathabathela eMilo wesa phakathi. |
| 10 |
| Waya uDavide eba mkhulu ngokuba mkhulu, uYehova uThixo wemikhosi waba naye. |
| 11 |
| Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathumela abathunywa kuDavide, nemisedare, neengcibi zemithi, neengcibi zamatye eendonga; zamakhela uDavide indlu. |
| 12 |
| Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile wangukumkani; ukuba ubuphakamisile ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli. |
| 13 |
| UDavide wabuya wazeka abafazi namashweshwe eYerusalem, emveni kokusuka kwakhe eHebron; wabuya wazalelwa oonyana neentombi uDavide. |
| 14 |
| Ngawo la amagama abo wabazalelwayo eYerusalem: nguShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, |
| 15 |
| noIbhehare, noElishuwa, noNefege, noYafiya, |
| 16 |
| noElishama, noEliyada, noElifelete. |
| 17 |
| Ke kaloku eva amaFilisti ukuba bamthambisile uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli: enyuka ke onke amaFilisti aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, wehla waya emboniselweni. |
| 18 |
| AmaFilisti abezile, athi dwe entilini yamaRafa. |
| 19 |
| Wabuza uDavide kuYehova, wathi, Ndinyuke na, ndiye kumaFilisti? Wowanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuDavide, Nyuka; ngokuba ndiwanikele mpela amaFilisti esandleni sakho. |
| 20 |
| UDavide weza eBhahali-peratsim; uDavide wawaxabela khona, wathi, UYehova uzityhobozele iintshaba zam phambi kwam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim. |
| 21 |
| Azishiya izithixo zawo; bazithabatha uDavide namadoda akhe. |
| 22 |
| Abuya aphinda enyuka amaFilisti, athi dwe entilini yamaRafa. |
| 23 |
| Wabuza uDavide kuYehova, wathi yena, Uze ungenyuki; jikela emva kwawo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka. |
| 24 |
| Kothi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ungxamise; ngokuba woba uphumile phambi kwakho uYehova ngelaxesha, ukuba ayixabele impi yamaFilisti. |
| 25 |
| Wenjenjalo uDavide, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako; wawaxabela amaFilisti, wathabathela eGebha wada waya eGezere. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/2samuel/005.mp3
24
5