|
| 1 |
|
| Ke kaloku umfazi othile kubafazi boonyana babaprofeti wakhala kuElisha, esithi, Umkhonzi wakho indoda yam ifile.Uyazi wena ukuba umkhonzi wakho lowo ebemoyika uYehova; ke umboleki-mali uze kubathabathela kuye oonyana bam bobabini, ukuba babe ngamakhoboka. |
|
| 2 |
|
| Wathi uElisha kuye, Ndikwenzele ntoni na? Ndixelele, unantoni na endlwini? Wathi, Umkhonzazana wakho akananto endlwini, kuphela ligubu leoli. |
|
| 3 |
|
| Wathi, Hamba uye kuzibolekela izitya ngaphandle, kubamelwane bakho bonke, izitya ezize; zingabi mbalwa; |
|
| 4 |
|
| ungene, uzivalele wena noonyana bakho, uthululele kwezo zitya zonke, uzishenxise ezizeleyo. |
|
| 5 |
|
| Wemka ke kuye, wazivalela, yena noonyana bakhe; bezisa kuye bona, wathulula yena. |
|
| 6 |
|
| Kwathi, zakuzala izitya, wathi kunyana wakhe, Zisa esinye isitya kum. Wathi yena kuye, Akusekho sitya: yanqamka ke ioli. |
|
| 7 |
|
| Waya waxelela umfo wakwaThixo; wathi yena, Hamba uye kuthengisa ngeoli leyo, uhlawule ityala lakho, uphile wena noonyana bakho ngeseleyo. |
|
| 8 |
|
| Kwathi ngamhla uthile, uElisha wagqithela eShunem, apho kwaye kukho intokazi elinonokazi; yamzama ukuba adle isonka.Ubesithi, xa agqithayo, aphambukele khona ukuba adle isonka. |
|
| 9 |
|
| Yathi endodeni yayo, Uyabona ke, ndiyaqonda ukuba lo mfo ungcwele wakwaThixo umana egqitha apha. |
|
| 10 |
|
| Masenze eludongeni igunjana eliphezulu, simbekele khona isingqengqelo, netafile, nesihlalo, nesibane, angene khona akuphambukela kuthi. |
|
| 11 |
|
| Kwathi ngamhla uthile waya khona, waphambukela egumbini elo liphezulu, walala khona. |
|
| 12 |
|
| Wathi kuGehazi umfana wakwakhe, Biza lo mShunemekazi. |
|
| 13 |
|
| Wambiza; wema phambi kwakhe. Wathi kuye, Khawuthi kuye, Uyabona, usinyamekele ngayo yonke le nyameko; unga ungenzelwa ntoni na ke? Unelizwi ongalenzelwayo na kukumkani, nokuba kukumthetheli-mkhosi? Wathi yena, Ndihleli phakathi kwabantu bakowethu. |
|
| 14 |
|
| Wathi, Makenzelwe ntoni na? Wathi uGehazi, Inyaniso, akananyana; indoda yakhe yaluphele. |
|
| 15 |
|
| Wathi, Mbize. Wambiza, wafika, wema emnyango. |
|
| 16 |
|
| Wathi, Mayela neli xesha nyakenye uya kusingatha unyana.Wathi yena, Musa, nkosi yam, mfo wakwaThixo, musa ukuthetha amanga kumkhonzazana wakho. |
|
| 17 |
|
| Wamitha ke loo mfazi, wazala unyana ngelo xesha limisiweyo lanyakenye, abelithethile uElisha kuye. |
|
| 18 |
|
| Wakhula umntwana, kwathi ngamhla uthile, waphuma waya kuyise, kubavuni. |
|
| 19 |
|
| Wathi kuyise, Intloko yam, intloko yam! Wathi kumfana, Mthwale, umse kunina. |
|
| 20 |
|
| Wamthwala, wamsa kunina; wahlala emathangeni akhe, kwada kwasemini enkulu, waqhawuka ke. |
|
| 21 |
|
| Wenyuka, wamlalisa esingqengqelweni somfo wakwaThixo, wamvalela, waphuma. |
|
| 22 |
|
| Wabiza indoda yakhe, wathi, Khawundithumele omnye wakubafana, nenye yeemazi zamaesile, khe ndithi gxada, ndiye kumfo wakwaThixo, ndibuye ndibuye. |
|
| 23 |
|
| Wathi yena, Yini na ukuba uhambe uye kuye namhla? Akuthwase nyanga, asiyisabatha. Wathi yena, Kulungile. |
|
| 24 |
|
| Wayibopha imazi ye-esile, wathi kumfana lowo, Qhuba uhambe, musa ukuzibambezela ekukhweleni ngenxa yam, ndigatshonga kuwe. |
|
| 25 |
|
| Wahamba wada weza kumfo wakwaThixo entabeni yeKarmele. Waza umfo wakwaThixo, akumbona esekude, wathi kuGehazi umfana, Nankuya laa mShunemekazi; |
|
| 26 |
|
| khawugidime ngoku, umkhawulele, uthi kuye, Uhleli kakuhle na? Ihleli kakuhle na indoda yakho? Uhleli kakuhle na umntwana?Wathi, Kusahleliwe kakuhle. |
|
| 27 |
|
| Akufika kumfo wakwaThixo entabeni, wambamba ngeenyawo.Wasondela uGehazi ukuba amsunduze; wathi umfo wakwaThixo, Myeke, ngokuba umphefumlo wakhe ukrakra; uYehova undifihlele, akandixelela. |
|
| 28 |
|
| Wathi, Ndakha ndacela unyana yini na enkosini yam?Ndandingatshongo yini na ukuthi, Uze ungandilahlekisi? |
|
| 29 |
|
| Wathi kuGehazi, Bhinqa isinqe sakho, uphathe umsimelelo wam esandleni sakho, uhambe. Ukuba uthe waqubisana nomntu, uze ungambulisi; ukuba uthe umntu wakubulisa, uze ungamphenduli;uze uwubeke umsimelelo wam phezu kobuso benkwenkwe leyo. |
|
| 30 |
|
| Wathi unina wenkwenkwe, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Wesuka ke wamlandela. |
|
| 31 |
|
| UGehazi wagqithela phambili kubo, wafika wawubeka umsimelelo phezu kobuso benkwenkwe; akwabakho lizwi, akwabakho kushukuma. Wabuya waya kumkhawulela, wamxelela, wathi, Inkwenkwe ayivukanga. |
|
| 32 |
|
| Wafika uElisha endlwini; nantso inkwenkwe ifile, ilele esingqengqelweni sakhe. |
|
| 33 |
|
| Wangena, waluvala ucango, bebobabini; wathandaza kuYehova. |
|
| 34 |
|
| Wenyuka, walala phezu komntwana lowo, wabeka umlomo wakhe phezu komlomo wakhe, amehlo akhe phezu kwamehlo akhe, izandla zakhe phezu kwezandla zakhe, wazolula phezu kwakhe; yafudumala inyama yomntwana. |
|
| 35 |
|
| Wabuya, wahamba endlwini, wasinga ngapha kwakanye, wasinga ngapha kwakanye, wenyuka wazolula phezu kwakhe. Yathimla inkwenkwe izihlandlo ezisixhenxe, yawavula inkwenkwe amehlo ayo. |
|
| 36 |
|
| Wabiza uGehazi, wathi, Biza laa mShunemekazi. Wambiza. Weza ke kuye, wathi, Mthabathe unyana wakho. |
|
| 37 |
|
| Weza, waziphosa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye, wamthabatha unyana wakhe, waphuma. |
|
| 38 |
|
| Ke kaloku uElisha wabuya, waya eGiligali. Kwakukho indlala elizweni; oonyana babaprofeti babehleli phambi kwakhe. Wathi kumfana lowo, Beka imbiza enkulu eziko, ubaphekele ukudla oonyana babaprofeti. |
|
| 39 |
|
| Waphuma omnye, waya kufuna imifuno endle; wafumana uthangazana, wakha amathangazana kulo; yazala ingubo yakhe.Wafika, wawaxabelela embizeni yokupheka; ngokuba babengawazi. |
|
| 40 |
|
| Bawaphakela amadoda ukuba adle. Kwathi, xa akudlayo oko kudla, akhala wona, athi, Mfo wakwaThixo, kukho ukufa embizeni le. Akaba nako ukukudla. |
|
| 41 |
|
| Wathi, Yizani nomgubo. Wawugalela embizeni, wathi, Baphakele abantu, badle; akwabakho nto imbi embizeni. |
|
| 42 |
|
| Kwavela indoda eBhahali-shalisha, yamzisela umfo wakwaThixo ukudla okutsha: izonka zerhasi ezimashumi mabini, namakhweba engxoweni yakhe. Wathi, Nika abantu, badle. |
|
| 43 |
|
| Wathi umlungiseleli wakhe, Ndothini na ukukubeka oku phambi kwekhulu lamadoda? Wathi, Nika abantu, badle; ngokuba utsho uYehova ukuthi, Baya kudla, bade bakushiye. |
|
| 44 |
|
| Wabeka ke phambi kwabo; badla bakushiya, ngokwelizwi likaYehova. |
|
|
|
|