|
| 1 |
|
| Ngabo aba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon, |
|
| 2 |
|
| noDan, noYosefu, noBhenjamin, noNafetali, noGadi, noAshere. |
|
| 3 |
|
| Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela. Abo bathathu wabazalelwa yintombi kaShuwa, umKananekazi. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ebenobubi emehlweni kaYehova; wambulala. |
|
| 4 |
|
| UTamare, umolokazana wakhe, wamzalela uPeretse noZera.Bebonke oonyana bakaYuda bahlanu. |
|
| 5 |
|
| Oonyana bakaPeretse nguHetseron, noHamuli. |
|
| 6 |
|
| Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHaman, noKalekole, noDara; bebonke bahlanu. |
|
| 7 |
|
| Oonyana bakaKarmi nguAkare, owawahlisela ishwangusha amaSirayeli, wenza ubumenemene entweni esingelwe phantsi. |
|
| 8 |
|
| Oonyana bakaEtan nguAzariya. |
|
| 9 |
|
| Oonyana bakaHetseron awabazalelwayo: nguYerameli, noRam, noKelubhayi. |
|
| 10 |
|
| URam wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yoonyana bakaYuda. |
|
| 11 |
|
| UNashon wazala uSalima; |
|
| 12 |
|
| uSalima wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhede; uObhede wazala uYese. |
|
| 13 |
|
| UYese wazala uEliyabhi, amazibulo akhe, noAbhinadabhi owesibini, noShama owesithathu, |
|
| 14 |
|
| noNataniyeli owesine, noRadayi owesihlanu, |
|
| 15 |
|
| no-Otsem owesithandathu, noDavide owesixhenxe. |
|
| 16 |
|
| Oodade babo baye bengooTseruya noAbhigali. Oonyana bakaTseruya nguAbhishayi, noYowabhi, noAsaheli; bathathu. |
|
| 17 |
|
| UAbhigali wazala uAmasa; uyise ka-Amasa ebenguYetere, umIshmayeli. |
|
| 18 |
|
| UKalebhi, unyana kaHetseron, wazala ngoAzubha umkakhe nangoYerihoti. Ngabo aba oonyana bakhe: uYeshere, noShobhabhi, noArdon. |
|
| 19 |
|
| Wafa uAzubha; uKalebhi wazeka uEfrata; wamzalela uHuri. |
|
| 20 |
|
| UHuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhetsaleli. |
|
| 21 |
|
| Emveni koko wayingena uHetseron intombi kaMakire, uyise kaGiliyadi, wayizeka eminyaka imashumi mathandathu ezelwe;yamzalela uSegubhi. |
|
| 22 |
|
| USegubhi wazala uYahire; wayenemizi engamashumi amabini anamithathu ezweni laseGiliyadi. |
|
| 23 |
|
| UGeshuri noAram bathabatha kubo iHavoti-yahire, neKenati, namagxamesi ayo: imizi engamashumi omathandathu. Bonke aba babengoonyana bakaMakire, uyise kaGiliyadi. |
|
| 24 |
|
| Emva kokufa kukaHetseron kwaKalebhi yakwaEfrata, umkaHetseron, uAbhiya, wamzalela uAsuri, uyise ozala amaTekowa. |
|
| 25 |
|
| Oonyana bakaYerameli, amazibulo kaHetseron, babengooRam amazibulo akhe, noBhuna, no-Oren, no-Otsem, noAhiya. |
|
| 26 |
|
| UYerameli ebenomnye umfazi, igama lakhe linguAtara;ubengunina kaOnam. |
|
| 27 |
|
| Oonyana bakaRam, amazibulo kaYerameli, babenguMahatse, noYamin, noEkere. |
|
| 28 |
|
| Oonyana bakaOnam babenguShamayi, noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi, noAbhishure. |
|
| 29 |
|
| Igama lomka-Abhishure nguAbhihayili; wamzalela uAbhan, noMolidi. |
|
| 30 |
|
| Oonyana bakaNadabhi nguSelede, noApayim; wafa uSelede engazalanga. |
|
| 31 |
|
| Oonyana baka-Apayim nguIshi. Oonyana bakaIshi nguSheshan.Oonyana bakaSheshan nguAlayi. |
|
| 32 |
|
| Oonyana bakaYada, umninawa kaShamayi, nguYetere noYonatan.Wafa uYetere engazalanga. |
|
| 33 |
|
| Oonyana bakaYonatan nguPelete noZaza. Ngabo abo oonyana bakaYerameli. |
|
| 34 |
|
| USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. USheshan ebenomkhonzi ongumYiputa; igama lakhe belinguYar-ha. |
|
| 35 |
|
| USheshan wamnika uYar-ha umkhonzi wakhe intombi yakhe, ukuba ibe ngumfazi; yamzalela uAtayi. |
|
| 36 |
|
| UAtayi wazala uNatan; uNatan wazala uZabhadi. |
|
| 37 |
|
| UZabhadi wazala uEfelali; uEfelali wazala uObhede; |
|
| 38 |
|
| uObhede wazala uYehu; uYehu wazala uAzariya; |
|
| 39 |
|
| uAzariya wazala uHeletse; uHeletse wazala uElasa; |
|
| 40 |
|
| uElasa wazala uSisamayi; uSisamayi wazala uShalum; |
|
| 41 |
|
| uShalum wazala uYekamiya; uYekamiya wazala uElishama. |
|
| 42 |
|
| Oonyana bakaKalebhi, umkhuluwa kaYerameli, nguMesha amazibulo akhe, obenguyise wabaseZifi, noonyana bakaMaresha, uyise kaHebron. |
|
| 43 |
|
| Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema. |
|
| 44 |
|
| UShema wazala uRaham, uyise kaYorkeham; uRekem wazala uShamayi. |
|
| 45 |
|
| Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure. |
|
| 46 |
|
| UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze. |
|
| 47 |
|
| Oonyana bakaYadayi nguRegem, noYotam noGeshan, noPelete, noEfa, noShahafe. |
|
| 48 |
|
| UMahaka, ishweshwe likaKalebhi, wazala uShebhere, noTir-hana; |
|
| 49 |
|
| wazala noShahafe, uyise wabaseMademana, noSheva uyise wabaseMakebhena, noyise wabaseGibheha; intombi kaKalebhi ibinguAkesa. |
|
| 50 |
|
| Ngabo aba oonyana bakaKalebhi: ngoonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata; uShobhali ozala amaKiriyati-yeharim; |
|
| 51 |
|
| uSalima, uyise wabaseBhetelehem; uHarefe, uyise wabaseBhete-gadere. |
|
| 52 |
|
| UShobhali, uyise wabaseKiriyati-yeharim, ebenoonyana:uHarowe, noHatsihamenukoti. |
|
| 53 |
|
| Imizalwane yaseKiriyati-yeharim ngamaItri, namaPuti, namaShumati, namaMisherayi. Baphuma kuyo abaseTsorati, namaEshtawoli. |
|
| 54 |
|
| Oonyana bakaSalima ngabaseBhetelehem, nabaseNetofa, abaseAteroti yendlu kaYowabhi, nabaseHazi-hamanati, nabaseTsora. |
|
| 55 |
|
| Imizalwane yababhali, abemi baseYabhetse, ngabaseTira, ngabaseShemiha, ngabaseSuka. La ngamaKeni avela kuHamati, uyise wabendlu kaRekabhi. |
|
|
|
|