IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Oonyana bakaLevi nguGershon, noKehati, noMerari. |
| 2 |
| Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli. |
| 3 |
| Abantwana baka-Amram ngooAron, noMoses, noMiriyam. Oonyana baka-Aron ngooNadabhi, noAbhihu, nguElazare, noItamare. |
| 4 |
| UElazare wazala uPinehasi, uPinehasi wazala uAbhishuwa; |
| 5 |
| uAbhishuwa wazala uBhuki; uBhuki wazala u-Uzi; |
| 6 |
| u-Uzi wazala uZeraya; uZeraya wazala uMerayoti; |
| 7 |
| uMerayoti wazala uAmariya; uAmariya wazala uAhitobhi; |
| 8 |
| uAhitobhi wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uAhimahatse; |
| 9 |
| uAhimahatse wazala uAzariya; uAzariya wazala uYohanan; |
| 10 |
| uYohanan wazala uAzariya, (yena ke ebengumbingeleli endlwini awayakhayo uSolomon eYerusalem); |
| 11 |
| uAzariya wazala uAmariya; uAmariya wazala uAhitubhi; |
| 12 |
| uAhitubhi wazala uTsadoki uTsadoki wazala uShalum; |
| 13 |
| uShalum wazala uHilekiya; uHilekiya wazala uAzariya; |
| 14 |
| uAzariya wazala uSeraya; uSeraya wazala uYotsadaki; |
| 15 |
| uYotsadaki wahamba, akuwafudusa uYehova amaYuda neYerusalem ngoNebhukadenetsare. |
| 16 |
| Oonyana bakaLevi nguGershom, noKehati, noMerari. |
| 17 |
| Ngawo la amagama oonyana bakaGershom: nguLibheni noShimehi. |
| 18 |
| Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli. |
| 19 |
| Oonyana bakaMerari nguMaheli noMushi. Yiyo ke leyo imizalwane kaLevi, ngokwezindlu zooyise. |
| 20 |
| KuGershom: nguLibheni unyana wakhe, nguYahati unyana wakhe, nguZima unyana wakhe, |
| 21 |
| nguYowa unyana wakhe, nguIdo unyana wakhe, nguZera unyana wakhe, nguYehatrayi unyana wakhe. |
| 22 |
| Oonyana bakaKehati nguAminadabhi unyana wakhe, nguKora unyana wakhe, nguAsire unyana wakhe, |
| 23 |
| nguElikana unyana wakhe, noEbhiyasefu unyana wakhe, noAsire unyana wakhe, |
| 24 |
| nguTahati unyana wakhe, ngu-Uriyeli unyana wakhe, ngu-Uziya unyana wakhe, nguSawule unyana wakhe. |
| 25 |
| Oonyana bakaElikana nguAmasayi noAhimoti. |
| 26 |
| KuElikana: oonyana bakaElikana nguTsofayi unyana wakhe, noNahati unyana wakhe, |
| 27 |
| nguEliyabhi unyana wakhe, nguYoram unyana wakhe, nguElikana unyana wakhe. |
| 28 |
| Oonyana bakaSamuweli nguVashni amazibulo akhe, noAbhiya. |
| 29 |
| Oonyana bakaMerari nguMaheli, nguLibheni unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe, ngu-Uza unyana wakhe, |
| 30 |
| nguShimeha unyana wakhe, nguHagiya unyana wakhe, nguAsaya unyana wakhe. |
| 31 |
| Aba ngabo wabaphathisayo uDavide ingoma endlwini kaYehova, kususela koko yaphumlayo ityeya. |
| 32 |
| Balungiselela ngengoma phambi komnquba oyintente yokuhlangana, wada uSolomon wayakha indlu kaYehova eYerusalem;bema ngokwesiko labo enkonzweni yabo. |
| 33 |
| Aba ngabo bema noonyana babo. Kubo oonyana bakaKehati nguHeman imvumi, unyana kaYoweli, unyana kaShemuweli, |
| 34 |
| unyana kaElikana, unyana kaYeroham, unyana kaEliyeli, unyana kaToha, |
| 35 |
| unyana kaTsufi, unyana kaElikana, unyana kaMahati, unyana ka-Amasayi, |
| 36 |
| unyana kaElikana, unyana kaYoweli, unyana ka-Azariya, unyana kaZefaniya, |
| 37 |
| unyana kaTahati, unyana ka-Asire, unyana ka-Abhiyasefu, unyana kaKora, |
| 38 |
| unyana kaItsare, unyana kaKehati, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli. |
| 39 |
| Ke umzalwana wakhe uAsafu wema ngasekunene kwakhe: uAsafu unyana kaBherekiya, unyana kaShimeha, |
| 40 |
| unyana kaMikayeli, unyana kaBhahaseya, unyana kaMalekiya, |
| 41 |
| unyana kaEteni, unyana kaZera, unyana ka-Adaya, |
| 42 |
| unyana kaEtan, unyana kaZima, unyana kaShimehi, |
| 43 |
| unyana kaYahati, unyana kaGershom, unyana kaLevi. |
| 44 |
| Abazalwana babo, oonyana bakaMerari, bema ngasekhohlo:uEtan unyana kaKishi, unyana ka-Abhedi, unyana kaMuluki, |
| 45 |
| unyana kaHashabhiya, unyana ka-Amatsiya, unyana kaHilekiya, |
| 46 |
| unyana ka-Amtsi, unyana kaBhani, unyana kaShemere, |
| 47 |
| unyana kaMaheli, unyana kaMushi, unyana kaMerari, unyana kaLevi. |
| 48 |
| Abazalwana babo, abaLevi, babemiselwe umsebenzi wonke womnquba wendlu kaThixo. |
| 49 |
| Ke uAron noonyana bakhe babeqhumisela esibingelelweni sedini elinyukayo, nasesibingelelweni sesiqhumiso, bengabomsebenzi wonke wengcwele kangcwele, bacamagushele amaSirayeli, ngokoko konke wawisa umthetho ngako uMoses, umkhonzi kaThixo. |
| 50 |
| Ngabo aba oonyana baka-Aron: nguElazare unyana wakhe, nguPinehasi unyana wakhe, nguAbhishuwa unyana wakhe, |
| 51 |
| nguBhuki unyana wakhe, ngu-Uzi unyana wakhe, nguZeraya unyana wakhe, |
| 52 |
| nguMerayoti unyana wakhe, nguAmariya unyana wakhe, nguAhitubhi unyana wakhe, |
| 53 |
| nguTsadoki unyana wakhe, nguAhimahatse unyana wakhe. |
| 54 |
| Ngawo la amakhaya abo ngokweengqili zabo, emideni yabo, ezoonyana baka-Aron, ngokwemizalwane kaKehati; ngokuba laba lelabo iqashiso: |
| 55 |
| babanika owaseHebron ezweni lakwaYuda, namadlelo awo ngeenxa zonke; |
| 56 |
| ke wona amasimi omzi lowo nemizana yawo bawanika uKalebhi, unyana kaYefune. |
| 57 |
| Babanika oonyana baka-Aron imizi yokusabela: owaseHebron, neLibhena namadlelo ayo, neYatire, ne-Eshtemowa; namadlelo ayo, |
| 58 |
| neHilen namadlelo ayo, neDebhire namadlelo ayo, |
| 59 |
| neAshan namadlelo ayo, neBhete-shemeshe namadlelo ayo. |
| 60 |
| Esizweni sakwaBhenjamin: iGebha namadlelo ayo, neAlemete namadlelo ayo, neAnatoti namadlelo ayo. Yonke imizi yabo ngokwemizalwane yabo yabe iyimizi elishumi elinamithathu. |
| 61 |
| Oonyana bakaKehati abaseleyo banikwa emzalwaneni wesizwe sakwaEfrayim, nasesizweni sakwaDan, nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase, ngeqashiso imizi elishumi. |
| 62 |
| Oonyana bakaGershom ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaIsakare, nasesizweni sakwa-Ashere, nasesizweni sakwaNafetali, nasesizweni sakwaManase eBhashan, imizi yalishumi elinamithathu. |
| 63 |
| Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaRubhen, nasesizweni sakwaGadi, nasesizweni sakwaZebhulon, ngeqashiso imizi elishumi elinamibini. |
| 64 |
| Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi imizi namadlelo ayo. |
| 65 |
| Babanika ngeqashiso esizweni soonyana bakaYuda, nasesizweni soonyana bakaSimon, nasesizweni soonyana bakaBhenjamin, yona le mizi ibiziweyo ngamagama ayo. |
| 66 |
| Ke emizalwaneni yoonyana bakaKehati kwabakho imizi yemida yabo esizweni sakwaEfrayim. |
| 67 |
| Babanika imizi yokusabela: owakwaShekem namadlelo awo ezintabeni zakwaEfrayim, neGezere namadlelo ayo, |
| 68 |
| neYokemeham namadlelo ayo, neBhete-horon namadlelo ayo; |
| 69 |
| neAyalon namadlelo ayo, neGati-rimon namadlelo ayo; |
| 70 |
| nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase: iAnere namadlelo ayo, neBhileham namadlelo ayo, ngokomzalwane woonyana bakaKehati abaseleyo. |
| 71 |
| Oonyana bakaGershom banikwa emzalwaneni wesiqingatha sesizwe sakwaManase: iGolan yaseBhashan namadlelo ayo, neAshtaroti namadlelo ayo; |
| 72 |
| nasesizweni sakwaIsakare: iKedeshe namadlelo ayo, neDabherati namadlelo ayo, |
| 73 |
| neRamoti namadlelo ayo, neAnem namadlelo ayo; |
| 74 |
| nasesizweni sakwa-Ashere: iMashale namadlelo ayo, neAbhedon namadlelo ayo, |
| 75 |
| neHukoki namadlelo ayo, neRehobhi namadlelo ayo; |
| 76 |
| nasesizweni sakwaNafetali: iKedeshe yaseGalili namadlelo ayo, neHamon namadlelo ayo, neKiriyatayim namadlelo ayo. |
| 77 |
| Abaseleyo kubaLevi koonyana bakaMerari banikwa esizweni sakwaZebhulon: iRimono namadlelo ayo, neTabhore namadlelo ayo; |
| 78 |
| naphesheya kweYordan ngaseYeriko, ngasempumalanga kweYordan esizweni sakwaRubhen: iBhetsere esentlango namadlelo ayo, neYatsa namandlelo ayo, |
| 79 |
| neKedemoti namadlelo ayo, neMefahata namadlelo ayo; |
| 80 |
| nasesizweni sakwaGadi: iRamoti yaseGiliyadi namadlelo ayo, neMahanayim namadlelo ayo, |
| 81 |
| neHeshbhon namadlelo ayo, neYazere namadlelo ayo. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/1chronicles/006.mp3
29
6