|
| 1 |
|
| Oonyana bakaIsakare nguTola, noPuwa, noYashubhi, noShimron;babebane. |
|
| 2 |
|
| Oonyana bakaTola ngu-Uzi, noRefaya, noYeriyeli, noYamayi, noIbhesam, noSamuweli, iintloko zezindlu zooyise zikaTola;amagorha anobukroti, ngokweenzala zawo. Inani lawo ngemihla kaDavide laba ngamashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu amathandathu. |
|
| 3 |
|
| Oonyana bakaUzi nguIzerahiya. Noonyana bakaIzerahiya nguMikayeli, no-Obhadiya, noYoweli, noIshiya; babebahlanu, beziintloko bonke. |
|
| 4 |
|
| Ndawonye nabo ngokweenzala zabo, ngokwezindlu zooyise, kwakukho izimpi zomkhosi wokulwa, amashumi amathathu anamathandathu amawaka; ngokuba babenabafazi noonyana abaninzi. |
|
| 5 |
|
| Abazalwana babo, ngokwemizalwane yonke yakwaIsakare, amagorha anobukroti, baye bengamashumi asibhozo anesixhenxe amawaka, ukubhalwa kwabo emilibeni yabo yokuzalwa bebonke. |
|
| 6 |
|
| Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noYedihayeli;bebebathathu. |
|
| 7 |
|
| Oonyana bakaBhela nguEtsebhon, noUzi, noUziyeli, noYerimoti, noIri; baye bebahlanu, iintloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti; ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa babengamashumi amabini anamabini amawaka, anamanci mathathu anesine. |
|
| 8 |
|
| Oonyana bakaBhekere nguZemira, noYowashe, noEliyezere, noEliyohenayi, no-Omri, noYeremoti, noAbhiya, noAnatoti, noAlamete; bonke abo ngoonyana bakaBhekere; |
|
| 9 |
|
| ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo zeentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, babengamashumi amabini amawaka, anamakhulu amabini. |
|
| 10 |
|
| Oonyana bakaYedihayeli nguBhilehan. Oonyana bakaBhilehan nguYehushe, noBhenjamin, noEhudi, noKenahana, noZetan, noTarshishe, noAhishahare. |
|
| 11 |
|
| Bonke abo babengoonyana bakaYedihayeli, ngokweentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, alishumi elinesixhenxe lamawaka, anamakhulu mabini, aphuma umkhosi aye kulwa. |
|
| 12 |
|
| OoShupim noHupim ngoonyana bakaIre; ooHushim ngoonyana baka-Ahere. |
|
| 13 |
|
| Oonyana bakaNafetali nguYatsiyeli, noGuni, noYetsere, noShalum, oonyana bakaBhiliha. |
|
| 14 |
|
| Oonyana bakaManase nguAsheriyeli, awamzalelwayo. Ishweshwe lakhe, umAramikazi, lazala uMakire, uyise kaGiliyadi. |
|
| 15 |
|
| UMakire wazeka udade booHupim noShupim; igama lodade wabo belinguMahaka; igama lowesibini belinguTselofehadi; ke uTselofehadi ubeneentombi. |
|
| 16 |
|
| UMahaka umkaMakire wazala unyana, wathi igama lakhe nguPereshe; igama lomninawa wakhe belinguShereshe; oonyana bakhe ngu-Ulam noRekem. |
|
| 17 |
|
| Oonyana bakaUlam nguBhedan. Ngabo abo oonyana bakaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase. |
|
| 18 |
|
| Udade wabo, uHamolekete, wazala uIshodi, noAbhihezere, noMahala. |
|
| 19 |
|
| Oonyana bakaShemida babengooAhiyan, noShekem, noLiki, noAniyam. |
|
| 20 |
|
| Oonyana bakaEfrayim nguShutela, noBherede unyana wakhe, noTahati, unyana wakhe, noEliyada unyana wakhe, noTahati unyana wakhe, |
|
| 21 |
|
| noZabhadi unyana wakhe, noShutela unyana wakhe, noEzere, noEladi; abababulalayo abantu bakwaGati, ababezalelwe kwelo zwe; ngokuba babehle beza kuthabatha imihlambi yabo. |
|
| 22 |
|
| Wenza isijwili uEfrayim, uyise, imihla emininzi, beza kumkhuza abazalwana bakhe. |
|
| 23 |
|
| Wamngena umfazi wakhe; wakhawula, wazala unyana, wathi igama lakhe nguBheriya; ngokuba bekuhle ububi endlwini yakhe. |
|
| 24 |
|
| Intombi yakhe ibinguShera; yayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, neUzen-shera. |
|
| 25 |
|
| URefa ebengunyana wakhe, noReshefe; uTela ngunyana wakhe, noTahan unyana wakhe, |
|
| 26 |
|
| uLadan unyana wakhe, uAmihudi unyana wakhe, uElishama unyana wakhe, |
|
| 27 |
|
| uNun unyana wakhe, uYoshuwa unyana wakhe. |
|
| 28 |
|
| Ke kaloku ilifa labo, namakhaya abo, yiBheteli namagxamesi ayo; ngasempumalanga yiNaharan; ngasentshonalanga yiGezere namagxamesi ayo, nowakwaShekem namagxamesi awo, kwesa eGaza namagxamesi ayo. |
|
| 29 |
|
| Esezandleni zoonyana bakaManase yiBhete-shehan namagxamesi ayo, yiTahanaki namagxamesi ayo, yiMegido namagxamesi ayo, yiDore namagxamesi ayo. Kulapho kwakumi oonyana bakaYosefu, unyana kaSirayeli. |
|
| 30 |
|
| Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshevi, noBheriya, noSera udade wabo. |
|
| 31 |
|
| Oonyana bakaBheriya nguHebhere, noMalekiyeli, onguyise kaBhirzaviti. |
|
| 32 |
|
| UHebhere wazala uYafelete, noShomere, noHotam, noShuwa udade wabo. |
|
| 33 |
|
| Oonyana bakaYafelete nguPasaki, noBhimhali, noAshevati.Ngabo abo oonyana bakaYafelete. |
|
| 34 |
|
| Oonyana bakaShemere nguAhi, noRoga, noYehubha, noAram. |
|
| 35 |
|
| Oonyana bakaHelem umzalwana wakhe nguTsofa, noImna, noSheleshe, noAmali. |
|
| 36 |
|
| Oonyana bakaTsofa nguSuwa, noHarenefere, noShuwali, noBheri, noImra, |
|
| 37 |
|
| nguBhetsere noHodi, noShama, noShilesha, noItran, noBhehera. |
|
| 38 |
|
| Oonyana bakaYetere nguYefune, noPisepa, noAra. |
|
| 39 |
|
| Oonyana bakaUla nguAra, noHaniyeli, noRitsiya. |
|
| 40 |
|
| Bonke abo babengoonyana baka-Ashere: iintloko zezindlu zooyise, amagorha ahleliweyo anobukroti, iintloko zezikhulu.Ukubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa kwasemkhosini, ukuba balwe, babengamadoda angamashumi omabini anamathandathu amawaka, inani lawo. |
|
|
|
|