|
| 1 |
|
| Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi, |
|
| 2 |
|
| Umfo unokumnceda na uThixo? Hayi bo! Uzinceda ngokwakhe oqiqayo. |
|
| 3 |
|
| Kumnandi na kuSomandla, xa ulilungisa? Kuyinzuzo na kuye, ukuba uyazigqibelelisa iindlela zakho? |
|
| 4 |
|
| Uya kukohlwaya na ngenxa yokoyika kwakho uThixo, Aye nawe ematyaleni? |
|
| 5 |
|
| Ububi bakho abubukhulu na? Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na? |
|
| 6 |
|
| Kuba ububambise umzalwana wakho ngelize, Ububahluba abaze iingubo. |
|
| 7 |
|
| Ubungamsezi manzi otyhafileyo, Olambileyo ubumwimba ukutya. |
|
| 8 |
|
| Ke indoda enengalo, belilelayo ilizwe; Obekekileyo ubehlala kulo. |
|
| 9 |
|
| Abahlolokazi ububandulula belambatha, Neengalo zeenkedama ubuzityumza. |
|
| 10 |
|
| Ngenxa yoko imigibe ikujikelezile, Ukhwankqiswe ngesiquphe kukunkwantyiswa. |
|
| 11 |
|
| Khona akububoni na ubumnyama, Nobuninzi bamanzi akugubungelayo? |
|
| 12 |
|
| UThixo ukuphakama kwakhe asikokwamazulu yini na? Bona ke intloko yazo iinkwenkwezi, ukuba phezulu kwayo! |
|
| 13 |
|
| Uthi ke wena, Wazi ntoni na uThixo? Unokugweba na, engaphaya kobumnyama bamafu? |
|
| 14 |
|
| Amafu amsithile, akaboni; Uzihambela okwakhe esazingeni samazulu. |
|
| 15 |
|
| Umendo wasephakadeni uya kuwugcina na, Abawunyatheleyo abantu abanobutshinga? |
|
| 16 |
|
| Abashwabene lingekabi lixesha; Lwanyibilika, lwangumsinga useko lwabo, |
|
| 17 |
|
| Ababesithi kuThixo, Suka kuthi; Angabenza ntoni na uSomandla? |
|
| 18 |
|
| Kanti ebenguye ozalisa izindlu zabo ngezinto ezilungileyo.Iqhinga labangendawo malibe lee kum. |
|
| 19 |
|
| Aya kubona oko amalungisa, avuye; Omsulwa uyabagculela, esithi, |
|
| 20 |
|
| Inene, abasukele phezulu kum bathe shwaka, Wakudla umlilo ukuphuphuma kwabo. |
|
| 21 |
|
| Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo; Ngaloo nto wozelwa kokulungileyo. |
|
| 22 |
|
| Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe, Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho. |
|
| 23 |
|
| Ukuba uthe wabuyela kuSomandla, uya kwakhiwa. Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho, |
|
| 24 |
|
| Walibeka eluthulini ilitye legolide, Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire: |
|
| 25 |
|
| USomandla woba lilitye legolide kuwe, Nesilivere ebengezelayo kakhulu. |
|
| 26 |
|
| Ngokuba uya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla, Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho. |
|
| 27 |
|
| Wothandaza kuye, eve, Uzizalise izibhambathiso zakho; |
|
| 28 |
|
| Usongele into, ifezeke kuwe; Ezindleleni zakho kukhanye, kube mhlophe. |
|
| 29 |
|
| Xa zithe zehla, wothi, Phezulu! Amsindise omehlo aqondele phantsi. |
|
| 30 |
|
| Uya kusindisa nongemsulwa, Asizwe bubunyulu bezandla zakho. |
|
|
: |
| 1 | | 2 | | 3 | | 4 | | 5 | | 6 | | 7 | | 8 | | 9 | | 10 | | 11 | | 12 | | 13 | | 14 | | 15 | | 16 | | 17 | | 18 | | 19 | | 20 | | 21 | | 22 | | 23 | | 24 | | 25 | | 26 | | 27 | | 28 | | 29 | | 30 | 1
1
1 |
|
|---|
|
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/job/022.mp3
42
22