|
| 1 |
|
| Kuba kukho apho iphuma khona isilivere, Nendawo yegolide abayihluzayo. |
|
| 2 |
|
| Isinyithi sithatyathwa eluthulini, Banyibilikisa amatye abe lubhedu. |
|
| 3 |
|
| Baphelisa ubumnyama, Bebhekisa eziphelweni zonke, Begocagocela amatye asesithokothokweni nawasebumnyameni obuthe shinyi. |
|
| 4 |
|
| Bemba umngxuma kude kwabemiyo, Belityelwe lunyawo lwabahambi; Baxhomekile bekude nabantu, bayajinga. |
|
| 5 |
|
| Umhlaba-kuphuma ukutya kuwo; Umzantsi wawo ubhukuqwa ngathi ngumlilo. |
|
| 6 |
|
| Indawo yesafire ngamatye awo, Amagada egolide akuyo; |
|
| 7 |
|
| Yingqushu engaziwa xhalanga, Engathiwanga nzo liso lantloyiya, |
|
| 8 |
|
| Enganyathelwanga thole lanyamakazi inyalasayo, Engahanjwanga nayingonyama. |
|
| 9 |
|
| Usa isandla sakhe nakwiqhwitha, Uzibhukuqa ezingcanjini iintaba. |
|
| 10 |
|
| Ugqobhoza imijelo emaweni; Libona zonke izinto ezinqabileyo iliso lakhe. |
|
| 11 |
|
| Uvingca imilambo ingavuzi, Okufihlakeleyo akukhuphele emhlotsheni. |
|
| 12 |
|
| Ke bona ubulumko bufunyanwa phi na? Iphi na indawo yengqondo? |
|
| 13 |
|
| Akalazi umntu ixabiso labo; Abufunyanwa ezweni labahleliyo. |
|
| 14 |
|
| Amanzi enzonzobila athi, Abukum; Ulwandle luthi, Abunam. |
|
| 15 |
|
| Akurholwa golide ithe shinyi esikhundleni sabo;Akulinganiswa silivere ibe yintengo yabo. |
|
| 16 |
|
| Abumelwa yigolide ecikizekileyo yakwaOfire, Nesardonisi enqabileyo, nesafire. |
|
| 17 |
|
| Azinakulingana nabo igolide negilas; Abunakwananana neempahla zegolide engcwengiweyo. |
|
| 18 |
|
| Zingasakhunjulwa iikorale neekristale, Ukuzuzwa kobulumko kuphezu kweeperile. |
|
| 19 |
|
| Ayinakulingana nabo itopazi yakwaKushi; Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo. |
|
| 20 |
|
| Ubulumko buvela phi na ke, Yiyiphi na indawo yengqondo? |
|
| 21 |
|
| Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo;Busithakele nasezintakeni zasezulwini. |
|
| 22 |
|
| Inzonzobila nokufa kuthi, Sibuvile ukubuva ngendlebe. |
|
| 23 |
|
| NguThixo oyiqondayo indlela yabo, Nguye oyaziyo indawo yabo. |
|
| 24 |
|
| Kuba yena ubheka eziphelweni zehlabathi, Ubona phantsi kwamazulu onke; |
|
| 25 |
|
| Ngokuwenzela umoya ubunzima bawo, Namanzi awalinganise ngomlinganiso; |
|
| 26 |
|
| Ekuyenzeleni kwakhe imvula ummiselo, Nombane wendudumo indlela: |
|
| 27 |
|
| Waza wabubona, wabubala; Wabumisa, wabugocagoca nokubugocagoca; |
|
| 28 |
|
| Wathi emntwini: Yabona, ukoyika iNkosi, bubulumko obo, Nokutyeka ebubini kuyingqondo. |
|
|
: |
| 1 | | 2 | | 3 | | 4 | | 5 | | 6 | | 7 | | 8 | | 9 | | 10 | | 11 | | 12 | | 13 | | 14 | | 15 | | 16 | | 17 | | 18 | | 19 | | 20 | | 21 | | 22 | | 23 | | 24 | | 25 | | 26 | | 27 | | 28 | 1
1
1 |
|
|---|
|
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/job/028.mp3
42
28