IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Ayeka loo madoda omathathu ukumphendula uYobhi; kuba ubelilungisa emehlweni akhe. |
| 2 |
| Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo. |
| 3 |
| Wavutha kubahlobo bakhe abathathu umsindo wakhe, ngenxa enokuba bengafumananga kumphendula, phofu bemgwebile uYobhi. |
| 4 |
| Ke kaloku uElihu ubesalindisile kuYobhi ngamazwi, ngokuba babebadala kunaye ngemihla. |
| 5 |
| Wabona uElihu, ukuba akukho mpendulo emlonyeni waloo madoda mathathu, wavutha ke umsindo wakhe. |
| 6 |
| Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi, Ndimncinane mna ngemihla, Ke nina niziingwevu; Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam. |
| 7 |
| Ndathi, Imihla mayithethe, Iminyaka emininzi yazise ubulumko. |
| 8 |
| Noko ngumoya osemntwini, Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo. |
| 9 |
| Ukulumka akunabakhulu, Ukuqonda okufaneleyo akunamadoda makhulu odwa. |
| 10 |
| Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam. |
| 11 |
| Yabonani, bendiwalindile amazwi enu, Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu, Nada nagocagoca ukuthetha. |
| 12 |
| Ndanigqala kakuhle; Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi, Wawaphendula amazwi akhe. |
| 13 |
| Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko; UThixo uyamphephetha, asingumntu. |
| 14 |
| Ke akakubhekisanga kum ukuthetha; Andiyi kumphendula ngamazwi enu. |
| 15 |
| Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli; Baphelelwe kukuthetha. |
| 16 |
| Khe ndenze kuhle na, ngokuba bengathethi, Ngokuba bemi bengasaphenduli? |
| 17 |
| Ndiya kuphendula nam okwam, Ndixele ukwazi kwam nam. |
| 18 |
| Kuba ndizele kukuthetha; Undicuthile umoya wembilini yam. |
| 19 |
| Niyabona, imbilini yam injengewayini engavulelwanga;Njengeentsuba ezintsha, iza kugqabhuka. |
| 20 |
| Ndiya kuthetha, ukuze ndiphefumle; Ndiya kuwuvula umlomo wam, ndiphendule. |
| 21 |
| Mandingakhe ndinonelele mntu; Ndingakhe nditeketise mntu. |
| 22 |
| Kuba andikwazi ukuteketisa; Ubeya kundisusa kalula uMenzi wam. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/job/032.mp3
42
32