IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Wasusela uElihu, wathi, |
| 2 |
| Uba oku kusesikweni na, Ukuthi, ubulungisa bakho bungaphezu kobukaThixo; |
| 3 |
| Ukuba uthi nje, Bundinceda ntoni na, Bundinyusa ngantoni na phezu kokundinyusa kwesono sam? |
| 4 |
| Ndiya kukuphendula mna ngokuthetha, Nabahlobo bakho abanawe. |
| 5 |
| Bheka ezulwini ubone; Ukhangele isibhakabhaka, siphezulu kuwe. |
| 6 |
| Ukuba uthi wone, usebenza ntoni na ngakuye? Khona zakuba zininzi izikreqo zakho, umenze ntoni na? |
| 7 |
| Ukuba uthe walungisa wena, umpha ntoni na ngaloo nto?Wamkela ntoni na yena esandleni sakho? |
| 8 |
| Kuyinto kwindoda enjengawe ukungabi ndawo kwakho; Buyinto kuwe, nyana womntu, ubulungisa bakho. |
| 9 |
| Ngenxa yobuninzi bokucudisa, bayakhala abantu; Bayazibika ngenxa yengalo yabakhulu. |
| 10 |
| Ke abatsho ukuthi, Uphi na uThixo uMenzi wam, Osinika ingoma ebusuku, |
| 11 |
| Osifundisa ngaphezu kweenkomo zehlabathi, Asiphe ubulumko ngaphezu kweentaka zezulu? |
| 12 |
| Bandula bakhale, angaphenduli, Ngenxa yekratshi labanobubi. |
| 13 |
| Hayi, yona into ekhohlakeleyo akayiva uThixo, USomandla akayikhathalele. |
| 14 |
| Noko utshoyo ukuthi akumkhathalele, Ityala liphambi kwakhe, lindela kuye ke! |
| 15 |
| Ke ngoko xa ungekaveleli umsindo wakhe, Akazani na kunene nesikhukhumali? |
| 16 |
| Ke uYobhi ufumana awuvule umlomo wakhe, Akwandise ukuthetha engenakwazi. |
| Gcina amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/job/035.mp3
42
35