|
| 1 |
|
| Unokuyirhola na ingwenya ngegwegwe, Ulutshonise elutyeni ulwimi lwayo? |
|
| 2 |
|
| Unokuyifaka intambo yomzi empumlweni yayo na, Ugqobhoze izidlele zayo ngentola? |
|
| 3 |
|
| Ingatarhuzisa kunene na kuwe, Ithethe amazwi athambileyo kuwe? |
|
| 4 |
|
| Ingenza umnqophiso na nawe, Wokuba uyithabathe ibe ngumkhonzi waphakade? |
|
| 5 |
|
| Ungadlala na nayo njengentaka, Uyikhulekele amantombazana akho? |
|
| 6 |
|
| Angarhweba ngayo na amahlulelana abambisayo, Ayabe phakathi kwabarhwebi? |
|
| 7 |
|
| Unokusizalisa na isikhumba sayo ngeenyembe, Nentloko yayo ngezikhali zeentlanzi? |
|
| 8 |
|
| Beka isandla sakho kuyo; Khumbula imfazwe, ungaphindi. |
|
| 9 |
|
| Yabona, ukulinda kobambisayo ngamanga; Inene, uqethuka kwaesayibona. |
|
| 10 |
|
| Akukho sijorha sokuyixhokonxa; Ngubani na ke ongazimisa phambi kwam? |
|
| 11 |
|
| Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze?Okuphantsi kwamazulu onke kokwam. |
|
| 12 |
|
| Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo, Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo. |
|
| 13 |
|
| Ngubani na onokuwutyhila umphambili wesambatho sayo?Ezintlwini ezimbini zemihlathi yayo, ngubani na onokuya? |
|
| 14 |
|
| Iingcango zobuso bayo, ngubani na onokuzivula? Ngeenxa zonke emazinyweni ayo sisothuso. |
|
| 15 |
|
| Iliqhayiya imiqela yeengweletshetshe zayo, Zivalwe ngetywina eliqinileyo. |
|
| 16 |
|
| Zisondelene enye nenye, Akungeni moya phakathi kwazo. |
|
| 17 |
|
| Zinamathelene enye kwenye, Zibambene, zingabi nakwahlukana. |
|
| 18 |
|
| Ukuthimla kwayo kukhupha imitha, Namehlo ayo anjengeenkophe zesifingo. |
|
| 19 |
|
| Emlonyeni wayo kuphuma izikhuni zomlilo ezitshangazayo, Kuthaphuke iintlantsi zomlilo. |
|
| 20 |
|
| Emathatheni ayo kuphuma umsi, Njengowongxawu okhwezelwa ngemizi. |
|
| 21 |
|
| Umphefumlo wayo uvuthisa amalahle, Kuphuma amalangatye emlonyeni wayo. |
|
| 22 |
|
| Entanyeni yayo kuphuma amandla, Ebusweni bayo kuxhina ukuncama. |
|
| 23 |
|
| Imihlubulo yenyama yayo inamathelene, Iqinile kuyo, ayishukumi. |
|
| 24 |
|
| Intliziyo yayo iqine njengelitye, Iqine njengelokusila langaphantsi. |
|
| 25 |
|
| Ekuphakameni kwayo, ziyanxunguphala iinjengele, Zithi makatha ngokuqhiphuka umbilini. |
|
| 26 |
|
| Lifike kuyo ikrele, alimi; Nantshuntshe, namkhonto, nankonjane. |
|
| 27 |
|
| Ithi singumququ isinyithi, Livithi ubhedu. |
|
| 28 |
|
| Utolo lwesaphetha aluyibalekisi; Ajika abe ngumququ amatye okusawula kuyo. |
|
| 29 |
|
| Ithi imivinqi ziindiza, Ikuhleke ukutyityimba kwenkcula. |
|
| 30 |
|
| Ngaphantsi kwayo ziinkamba ezitsolo; Yaneka impahla yokusizila eludakeni. |
|
| 31 |
|
| Iyibiliza inzulu njengembiza, Ulwandle ilwenza njengehlala loqholo. |
|
| 32 |
|
| Emva kwayo kukhanya indlela; Anga amanzi anzongonzongo zizimvi. |
|
| 33 |
|
| Ehlabathini akukho nto ifana nayo, Le yenziwayo ayaba nakuqhiphuka umbilini. |
|
| 34 |
|
| Ibona konke okuphakamileyo; Ingukumkani yona kwizilo zonke ezinyalasayo. |
|
|
: |
| 1 | | 2 | | 3 | | 4 | | 5 | | 6 | | 7 | | 8 | | 9 | | 10 | | 11 | | 12 | | 13 | | 14 | | 15 | | 16 | | 17 | | 18 | | 19 | | 20 | | 21 | | 22 | | 23 | | 24 | | 25 | | 26 | | 27 | | 28 | | 29 | | 30 | | 31 | | 32 | | 33 | | 34 | 1
1
1 |
|
|---|
|
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/job/041.mp3
42
41