|
| 1 |
|
| Khawubize kambe, ukuba ukho na owokuphendula. Uya kubheka kuwuphi na kwabangcwele? |
|
| 2 |
|
| Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane, Nekhwele liyambulala osisiyatha. |
|
| 3 |
|
| Ndimbonile mna osisimathane emila; Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe. |
|
| 4 |
|
| Bakude nosindiso abantwana bakhe, Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli; |
|
| 5 |
|
| Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe, Balurhole naseluthangweni lwesiphingo; Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo. |
|
| 6 |
|
| Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini, Nobubi abuntshuli emhlabeni; |
|
| 7 |
|
| Hayi, umntu uzalelwa ububi, Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo. |
|
| 8 |
|
| Ke mna bendiya kusingisa kuThixo, Indawo yam ndiyibhekise kuThixo, |
|
| 9 |
|
| Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa; |
|
| 10 |
|
| Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba, Ase amanzi phezu kwamaphandle, |
|
| 11 |
|
| Ukuba abathobekileyo abamise ezindaweni eziphakamileyo, Abanezimnyama zokuzila banyukele elusindisweni. |
|
| 12 |
|
| Utshitshisa iingcinga zabo banobuqhophololo, Zingenzi nto izimasekileyo izandla zabo. |
|
| 13 |
|
| Ubambisa izilumko kubuqhophololo bazo, Iqhinga labanobuqokolo lingxamiseke ke. |
|
| 14 |
|
| Emini baqubisana nobumnyama, Baphuthaphuthe kwemaqanda, ngathi kusebusuku. |
|
| 15 |
|
| Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo, Nasesandleni sowomeleleyo. |
|
| 16 |
|
| Kubekho ke ithemba kosweleyo, Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo. |
|
| 17 |
|
| Yabona, unoyolo mntu owohlwaywa nguThixo! Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla! |
|
| 18 |
|
| Kuba wenza buhlungu, abophe; Uyaphalusa, ziphilise izandla zakhe. |
|
| 19 |
|
| Ezimbandezelweni ezintandathu uya kukuhlangula, Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi; |
|
| 20 |
|
| Endlaleni ukukhulula ekufeni Emfazweni ukukhulula ekuxatyelweni ngekrele, |
|
| 21 |
|
| Eziniyeni yolwimi uzinyezwe, Ungoyiki imbuqo, yakufika. |
|
| 22 |
|
| Imbuqo nendlala uya kuyihleka, Nerhamncwa lasendle ungaloyiki. |
|
| 23 |
|
| Kuba unqophisene namatye asendle, Amarhamncwa asendle axolelene nawe; |
|
| 24 |
|
| Uya kwazi ukuba uxolo yintente yakho, Ulivelele ikhaya lakho, ungaphosani nanto; |
|
| 25 |
|
| Uyazi ukuba ininzi imbewu yakho, Nenzala yakho injengomfuno wehlabathi. |
|
| 26 |
|
| Uya kungena engcwabeni womelele, Njengokungeniswa kwesithungu ngexesha laso. |
|
| 27 |
|
| Bona, oku sikugocagocile, kunjalo; Kuve, ukwazi wena ngokwakho. |
|
|
: |
| 1 | | 2 | | 3 | | 4 | | 5 | | 6 | | 7 | | 8 | | 9 | | 10 | | 11 | | 12 | | 13 | | 14 | | 15 | | 16 | | 17 | | 18 | | 19 | | 20 | | 21 | | 22 | | 23 | | 24 | | 25 | | 26 | | 27 | 1
1
1 |
|
|---|
|
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/job/005.mp3
42
5