|
| 1 |
|
| Akaphume mkhosi na ehlabathini umntu? Ayinjengemihla yomqeshwa na imihla yakhe? |
|
| 2 |
|
| Njengesicaka esibe sizonda umthunzi, Njengomqeshwa olinde umvuzo wakhe? |
|
| 3 |
|
| Ndenjenjalo ukwamkeliswa iinyanga ezinenkohliso, Ndabalelwa nobusuku bobubi. |
|
| 4 |
|
| Ndakuba ndilele phantsi, ndithi, Ndiya kuvuka nini na?Ukuhlwa kolukile, Ndidikiwe kukuqikaqikeka kude kuse. |
|
| 5 |
|
| Inyama yam yambeswe iimpethu namagada omhlaba; Ulusu lwam lungamaqhula, lubhiqiza. |
|
| 6 |
|
| Imihla yam ikhawuleza ngaphezu komkhonjana womluki, Iphela kungekho themba. |
|
| 7 |
|
| Khumbula ukuba bungumoya ubomi bam; Iliso lam aliyi kubuya likubone okulungileyo. |
|
| 8 |
|
| Aliyi kuba sandalama iliso londibonileyo; Amehlo akho ekum, ndingabikho. |
|
| 9 |
|
| Liphelile ilifu, limkile; Unjalo ohla aye kwelabafileyo, akenyuki. |
|
| 10 |
|
| Akabi sabuyela endlwini yakhe, Ingabi samazi indawo yakhe. |
|
| 11 |
|
| Nam andiyi kuwubamba umlomo wam; Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam, Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam. |
|
| 12 |
|
| Ndilulwandle na, ndiyingwenya na, Ukuba undimisele umlindo? |
|
| 13 |
|
| Xa bendisithi, Wondithuthuzela umandlalo wam, Sondithwalisisa inkalazo yam isingqengqelo sam: |
|
| 14 |
|
| Wesuka wena wandoyikisa ngamaphupha, Wandidandathekisa emibonweni, |
|
| 15 |
|
| Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa; Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la. |
|
| 16 |
|
| Ndikruqukile; andingi ndingadla bomi ngonaphakade; Ndiyeke, kuba ingumphunga imihla yam. |
|
| 17 |
|
| Uyintoni na umntu lo, le nto umkhulisayo, Le nto uyisingise kuye intliziyo yakho, |
|
| 18 |
|
| Umvelele imiso yonke Umcikide imizuzu yonke? |
|
| 19 |
|
| Kunini na ungawasusi amehlo kum, Ungandiyeki, khe ndiginye amathe? |
|
| 20 |
|
| Ndithe ndona, ndingakwenza ntoni na? Wena mlindi woluntu, Yini na ukuba undenze itekeni, Ndibe ngumthwalo kum? |
|
| 21 |
|
| Yini na ukuba ungasixoleli isikreqo sam, ungabudlulisi ubugwenxa bam? Kuba kaloku ndiya kuzilalisa eluthulini;Wondondela kakhulu, ndingabikho. |
|
|
|
|