IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| NgaseMilanjeni yaseBhabheli Sahlala phantsi khona, salila, Sakuyikhumbula iZiyon. |
| 2 |
| Emingculubeni phakathi kwayo Sazixhoma khona iihadi zethu. |
| 3 |
| Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibiza Izango zengoma; Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo, Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon. |
| 4 |
| Singathini na ukuvuma ingoma kaYehova Emhlabeni wolunye uhlanga? |
| 5 |
| Ukuba ndithe ndakulibala, Yerusalem, Masinyele isandla sam sokunene. |
| 6 |
| Ulwimi lwam malunamathele ekhuhlangubeni lam, Ukuba andithanga ndikukhumbule; Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalem Ngaphezu kwemivuyo yam yonke. |
| 7 |
| Bakhumbule, Yehova, oonyana bakaEdom, Umhla weYerusalem, Abo bathi, Yidilizeni, yidilizeni Kuse elusekweni lwayo. |
| 8 |
| Ntombi inguBhabheli, wena unyashiweyo; Hayi, uyolo lwalowo ukubuyekezayo ukuphatha kwakho Osiphethe ngako! |
| 9 |
| Hayi, uyolo lwalowo ubabambayo abahlekeze abantwana bakho Engxondorheni! |
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/psalms/137.mp3
150
137