IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, Izizwe zicamange into engeyakonto? |
| 2 |
| Ookumkani behlabathi bazimisile, Izidwangube zabhunga NgoYehova nangoMthanjiswa wakhe; |
| 3 |
| Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo, Sizilahle izintya zabo kuthi. |
| 4 |
| Ohleli emazulwini uyahleka, INkosi iyabagculela. |
| 5 |
| Iya kwandula ithethe kubo ngomsindo wayo, Ibakhwankqise ngokuvutha kwayo. |
| 6 |
| Ithi, Mna ke ndimmisile ukumkani wam Phezu kweZiyon, intaba yam engcwele. |
| 7 |
| Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo: UYehova uthe kum, UnguNyana wam wena; Mna namhla ndikuzele. |
| 8 |
| Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho, Iziphelo zehlabathi zibe zezakho. |
| 9 |
| Uya kuzivikiva ngentonga yentsimbi, Uzihlekeze, zinge zizitya zodongwe. |
| 10 |
| Ngoko ke, nina bokumkani, qiqani; Bagwebi basehlabathini, yalekani. |
| 11 |
| Mkhonzeni uYehova nisoyika, Gcobani nithuthumela. |
| 12 |
| Mangeni uNyana, hleze aqumbe, nitshabalale endleleni, Ngokuba ungahle uvuthe umsindo wakhe. Hayi, uyolo lwabo bonke abazimela ngaye! |
| Gcina amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/psalms/002.mp3
150
2