IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo. Umhobe kaDavide. Ekudandulukeni kwam ndiphendule, Thixo wobulungisa bam; Embandezelweni yam wandenzela indawo ebanzi; Ndibabale, uwuve umthandazo wam. |
| 2 |
| Nina, nyana babantu, kunini na uzuko lwam niluhlazisa, Ningxamele into engeyakonto, nithanda amanga? (Phakamisani.) |
| 3 |
| Yazini ke ukuba uYehova uzibalulele owenceba; UYehova uyaphulaphula ndakudanduluka kuye. |
| 4 |
| Qumbani, ningoni; Thethani neentliziyo zenu ezinkukweni zenu, nithi cwaka. (Phakamisani.) |
| 5 |
| Bingelelani imibingelelo yobulungisa, Nikholose ngoYehova. |
| 6 |
| Baninzi abathi, Ngubani na owosibonisa okulungileyo?Siphakamisele ukukhanya kobuso bakho, Yehova. |
| 7 |
| Uyivuyisile intliziyo yam, Kunexesha lobuninzi bengqolowa yabo, newayini yabo entsha. |
| 8 |
| Ndiya kulala phantsi, ndilale ubuthongo kwangoku, ndixolile, Ngokuba wena, Yehova, undihlalisa ndikholosile, noko ndindedwa. |
| Gcina amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/psalms/004.mp3
150
4