IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| EkaSolomon. Thixo, mnike ukumkani imigwebo yakho, Mnike unyana wokumkani ubulungisa bakho. |
| 2 |
| Makagwebe ebantwini bakho ngobulungisa, Nakwabaziintsizana zakho ngokwesiko. |
| 3 |
| Iintaba mazibathwalele uxolo abantu, Kwaneenduli zibathwalele ebulungiseni. |
| 4 |
| Makagwebe ityala labaziintsizana ebantwini, Asindise oonyana bamahlwempu, Abatyumze abacudisi. |
| 5 |
| Mabakoyike, ukuhlala elihleliyo ilanga Kwanenyanga, izizukulwana ngezizukulwana. |
| 6 |
| Makehle njengemvula ehla phezu kotyani obusikwayo, Njengeziphango, njengemvula emathontsi makhulu, emhlabeni. |
| 7 |
| Malityatyambe ngemihla yakhe ilungisa, Nobuninzi boxolo, ide ingabi sabakho inyanga. |
| 8 |
| Makaphathe ubukhosi ethabathela elwandle ase elwandle, Ethabathela kuwo uMlambo ase eziphelweni zehlabathi. |
| 9 |
| Baya kuguqa phambi kwakhe abemi bomqwebedu, Zikhothe uthuli iintshaba zakhe. |
| 10 |
| Ookumkani baseTarshishe nabeziqithi baya kunika iminikelo;Ookumkani bakwaShebha nabakwaSebha baya kusondeza isithabathaba; |
| 11 |
| Baqubude kuye bonke ookumkani, Zimkhonze sonke iintlanga. |
| 12 |
| Ngokuba uya kulihlangula ihlwempu elizibikayo, Nabaziintsizana abangenaluncedo; |
| 13 |
| Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu; Asindise imiphefumlo yamahlwempu; |
| 14 |
| Akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni; Linqabile emehlweni akhe igazi lawo. |
| 15 |
| Uya kuphila anikwe igolide yakwaShebha, Bahlale bemthandazela, Bamsikelele imini yonke. |
| 16 |
| Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba; Ukuqhama kwayo makurhashaze njengeLebhanon;Mabatyatyambe emizini yabo njengemifuno yomhlaba. |
| 17 |
| Malibe ngunaphakade igama lakhe; Malivelise amagatya igama lakhe phambi kwelanga, Bazisikelele ngaye; Mazithi zonke iintlanga ungonoyolo. |
| 18 |
| Makabongwe uYehova uThixo, uThixo kaSirayeli. Ulomenzi wemisebenzi ebalulekileyo yena yedwa. |
| 19 |
| Malisikelelwe igama lakhe elizukileyo ngonaphakade, Lizale lonke ihlabathi luzuko lwakhe. Amen, amen. |
| 20 |
| Iphelile imithandazo kaDavide unyana kaYese. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/psalms/072.mp3
150
72