IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Umhobe ka-Asafu. Thixo, iintlanga zingene elifeni lakho, Ziyenze inqambi itempile yakho engcwele; Ziyenze yayimiwewe iYerusalem. |
| 2 |
| Izidumbu zabakhonzi bakho zizinike iintaka zezulu ukuba zizidle, Nenyama yabakho benceba ziyinike amarhamncwa elizwe. |
| 3 |
| Ziliphalazile igazi labo njengamanzi ngeenxa zonke eYerusalem; Akwabakho mngcwabi. |
| 4 |
| Senziwe ingcikivo kubamelwane bethu, Isigculelo nesicukucezo kwabasingqongileyo. |
| 5 |
| Kunini na, Yehova, uhleli uqumbile? Liya kuvutha njengomlilo na ikhwele lakho? |
| 6 |
| Phalaza ubushushu bakho ezintlangeni ezingakwaziyo, Ezikumkanini ezingalinquliyo igama lakho. |
| 7 |
| Ngokuba zimdlile uYakobi, Zalenza inxuwa ikhaya lakhe. |
| 8 |
| Musa ukubukhumbula kuthi ubugwenxa bamanyange ethu, Mayingxame isikhawulele imfesane yakho: Ngokuba siswele kakhulu. |
| 9 |
| Sincede, Thixo ongumsindisi wethu, ngenxa yozuko lwegama lakho, Usihlangule, uzixolele ngocamagushelo izono zethu ngenxa yegama lakho. |
| 10 |
| Yini na ukuba iintlanga zithi kuthi, Uphi na uThixo wabo?Makwazeke ezintlangeni, emehlweni ethu, Ukuphindezelwa kwegazi labakhonzi bakho eliphalaziweyo. |
| 11 |
| Makuze phambi kwakho ukugcuma kwamakhonkxwa; Ngokobukhulu bengalo yakho basalise oonyana bokufa. |
| 12 |
| Yibuyisele kubamelwane bethu kasixhenxe esondweni lengubo yabo Ingcikivo yabo, abakungcikive ngayo, Nkosi. |
| 13 |
| Ke thina bantu bakho, zimvu zaluswa nguwe, Siya kubulela kuwe ngonaphakade, Sibalise ngendumiso yakho kwizizukulwana ngezizukulwana. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/psalms/079.mp3
150
79