IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Ingoma. Umhobe ka-Asafu. Thixo, musa ukuthi cwaka, Musa ukuthi tu, musa ukuzola, Thixo. |
| 2 |
| Ngokuba nanzo iintshaba zakho zixokozela; Abakuthiyayo baphakamisa intloko. |
| 3 |
| Bagqugula igqugula elinobuqhophololo ngabantu bakho, Bacebisane ngabagushiweyo nguwe. |
| 4 |
| Bathi, Yizani sibethe bee shwaka, bangabi luhlanga, Lingabi sakhunjulwa igama likaSirayeli. |
| 5 |
| Ngokuba bacebisana ngantliziyo-nye, Benza umnqophiso ngawe: |
| 6 |
| Iintente zakwaEdom nezakwaIshmayeli, AmaMowabhi namaHagari, |
| 7 |
| AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki, AmaFilisti kunye nabemi baseTire; |
| 8 |
| Nama-Asiriya athelele kubo, Baba yingalo koonyana bakaLote.(Phakamisani.) |
| 9 |
| Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan, NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon. |
| 10 |
| Batshabalala e-Endore, Baba ngumgquba wokugalelwa emhlabeni. |
| 11 |
| Benze bona, amanene abo ke, babe njengo-Orebhe nanjengoZebhe; Zonke iinkosi zabo zibe njengoZebha nanjengoTsalimuna; |
| 12 |
| Bona bathi, Masiwahluthe abe ngawethu amakhaya kaThixo. |
| 13 |
| Thixo wam, benze babe njengesaqhwithi, Njengomququ phambi komoya. |
| 14 |
| Njengomlilo odla ihlathi, Njengedangatye lilenya intaba, |
| 15 |
| Yenjenjalo ukubasukela ngoqhwithela lwakho, Ubakhwankqise ngomoya wakho ovuthuzayo. |
| 16 |
| Buzalise ubuso babo ngehlazo, Balifune igama lakho, Yehova. |
| 17 |
| Mabadane bakhwankqiswe ngonaphakade, Babe neentloni, badake; |
| 18 |
| Bazi ukuba wena, ugama linguYehova, unguwe wedwa Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/psalms/083.mp3
150
83