|
| 1 |
|
| Ngawo la ke amagama oonyana bakaSirayeli, ababefike eYiputa noYakobi; beza elowo nendlu yakhe: |
|
| 2 |
|
| uRubhen, uSimon, uLevi noYuda; |
|
| 3 |
|
| uIsakare, uZebhulon noBhenjamin; |
|
| 4 |
|
| uDan noNafetali, uGadi noAshere. |
|
| 5 |
|
| Iyonke imiphefumlo eyaphumayo esinqeni sikaYakobi yayiyimiphefumlo emashumi asixhenxe; uYosefu yena ubeseleseYiputa. |
|
| 6 |
|
| Wafa ke uYosefu nabazalwana bakhe bonke, neso sizukulwana sonke. |
|
| 7 |
|
| Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, banda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo. |
|
| 8 |
|
| Kwavela ukumkani omtsha phezu kweYiputa, owayengamazi uYosefu. |
|
| 9 |
|
| Wathi ebantwini bakhe, Yabonani, abantu oonyana bakaSirayeli baninzi, banamandla kunathi. |
|
| 10 |
|
| Yizani sibalumkise, hleze bande; bathi, xenikweni kuthe kwehla imfazwe, bathelele nabo kwiintshaba zethu, balwe nathi, banyuke baphume ezweni. |
|
| 11 |
|
| Bamisa ke phezu kwabo abathetheli bokubafaka uviko, ukuze babacinezele ngemithwalo yabo. Bamakhela ke uFaro imizi enoovimba, iPitom neRameses. |
|
| 12 |
|
| Okukhona babacinezelayo, kokukhona bandayo, kokukhona baphangalalayo; bakruquka ngabo oonyana bakaSirayeli. |
|
| 13 |
|
| AmaYiputa ke abakhonzisa oonyana bakaSirayeli ngokutyumzayo; |
|
| 14 |
|
| abenza bakrakra ubomi babo ngomsebenzi olukhuni, ngodaka nangezitena, nangeentlobo zonke zomsebenzi wasendle; yonke imisebenzi abasetyenziswa yona yayiyetyumzayo. |
|
| 15 |
|
| Ke kaloku ukumkani waseYiputa wathetha kubazalisikazi abangamaHebherekazi, igama lomnye linguShifra, igama lomnye linguPuwa; |
|
| 16 |
|
| wathi, Ekuzaliseni kwenu amaHebherekazi, khangelani xa azalayo: ukuba ithe yayinkwenkwe, noyibulala; ukuba ithe yayintombi, yodla ubomi. |
|
| 17 |
|
| Abazalisikazi boyika uThixo, abenza ngoko wathetha ngako kubo ukumkani waseYiputa, bawasindisa amakhwenkwe. |
|
| 18 |
|
| Wababiza ukumkani waseYiputa abazalisikazi, wathi kubo, Kungani na ukuba nenze le nto yokuwasindisa amakhwenkwe? |
|
| 19 |
|
| Bathi abazalisikazi kuFaro, AmaHebherekazi akanjengabafazi bamaYiputa, kuba omelele; azala engekangeni kuwo umzalisikazi. |
|
| 20 |
|
| Ngoko uThixo wabenzela okulungileyo abazalisikazi. Banda abantu, banamandla kakhulu. |
|
| 21 |
|
| Kwathi, kuba abazalisikazi babemoyika uThixo, wazisikelela izindlu zabo. |
|
| 22 |
|
| UFaro wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni; ke zonke iintombi zisindiseni. |
|
|
|
|