|
| 1 |
|
| Landuluka lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango yaseSin ngokweehambo zabo, ngelizwi likaYehova; bazimisa iintente eRefidim. Akwabakho manzi okuselwa ngabantu. |
|
| 2 |
|
| Babambana abantu noMoses, bathi, Sinike amanzi, sisele.Wathi uMoses kubo, Yini na ukuba nibambane nam? Yini na ukuba nimlinge uYehova? |
|
| 3 |
|
| Banxanelwa amanzi apho abantu; abantu bamkrokrela uMoses, bathi, Yini na ukuba usinyuse siphume eYiputa, nosapho lwethu, nemfuyo yethu, uze kusibhubhisa ngenxano? |
|
| 4 |
|
| UMoses wadanduluka kuYehova, esithi, Ndiya kubathini na aba bantu? Sekukancinane ukuba bandixulube ngamatye. |
|
| 5 |
|
| Wathi uYehova kuMoses, Gqithela phambi kwabantu, uthabathe amadoda amakhulu akwaSirayeli abe nawe; uthi nentonga yakho, owawubetha ngayo umlambo, uyiphathe esandleni sakho, uhambe. |
|
| 6 |
|
| Yabona, ndiya kuma phambi kwakho khona, phezu kweliwa eHorebhe; uze ulibethe iliwa; kophuma amanzi kulo, basele abantu. Wenjenjalo ke uMoses phambi kwawo amadoda amakhulu akwaSirayeli. |
|
| 7 |
|
| Wathi igama laloo ndawo yiMasa neMeribha, ngenxa yokubambana koonyana bakaSirayeli, nangenxa yokumlinga kwabo uYehova, besithi, UYehova ukho na phakathi kwethu, akakho, kusini na? |
|
| 8 |
|
| UAmaleki weza, walwa noSirayeli eRefidim. |
|
| 9 |
|
| Wathi uMoses kuYoshuwa, Sihlelele amadoda; uze wena uphume ulwe noAmaleki; mna ngomso ndiya kuma encotsheni yenduli, intonga kaThixo isesandleni sam. Wenza uYoshuwa njengoko wathethayo uMoses kuye, walwa noAmaleki; |
|
| 10 |
|
| bona ooMoses na-Aron noHure benyuka baya encotsheni yenduli. |
|
| 11 |
|
| Kwathi, xa aziphakamisileyo uMoses izandla, kweyisa uSirayeli; kwathi xa azihlisileyo izandla, kweyisa uAmaleki. |
|
| 12 |
|
| Izandla zikaMoses zadinwa. Bathabatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, wahlala kulo; bathi ooAron noHure bazixhasa izandla zakhe, omnye engapha, nomnye engaphaya. Zazimaseka izandla zakhe, lada ilanga latshona. |
|
| 13 |
|
| UYoshuwa wamchitha uAmaleki nabantu bakowabo ngohlangothi lwekrele. |
|
| 14 |
|
| Wathi uYehova kuMoses, Kubhale oku kube sisikhumbuzo encwadini, ukuthethe ezindlebeni zikaYoshuwa; ngokuba ndiya kusicima impela isikhumbuzo sika-Amaleki phantsi kwamazulu. |
|
| 15 |
|
| UMoses wakha isibingelelo, wathi igama laso nguYehova-ibhanile-yam. |
|
| 16 |
|
| Wathi, Isandla siphakanyiselwe etroneni kaYehova, ukuba uYehova uya kulwa imfazwe noAmaleki isizukulwana ngesizukulwana. |
|
|
|
|