|
| 1 |
|
| Ngenyanga yesithathu emveni kokuphuma koonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa, ngayo loo mini, bafika entlango yaseSinayi. |
|
| 2 |
|
| Banduluka eRefidim, bafika entlango yaseSinayi, balalisa entlango; amisa iintente apho amaSirayeli malunga nentaba. |
|
| 3 |
|
| UMoses wenyuka waya kuThixo, uYehova wadanduluka kuye esentabeni apho, wathi, Yitsho kwindlu kaYakobi, uxelele oonyana bakaSirayeli ukuthi, |
|
| 4 |
|
| Nina niyibonile into endiyenzileyo kumaYiputa, ukuba ndanithwala ngamaphiko okhozi, ndanizisa kum. |
|
| 5 |
|
| Ngoku ke, ukuba nithe naliphulaphula okunene izwi lam, nawugcina umnqophiso wam, noba yinqobo kum kwizizwe zonke, kuba ihlabathi lonke lelam; |
|
| 6 |
|
| nibe bubukumkani bababingeleli kum, nohlanga olungcwele.Ngawo lawo amazwi oya kuwathetha koonyana bakaSirayeli. |
|
| 7 |
|
| Weza uMoses, wawabiza amadoda amakhulu abantu, wabeka phambi kwawo onke amazwi uYehova awamwisela umthetho ngawo. |
|
| 8 |
|
| Baphendula bonke abantu ngamxhelo mnye, bathi, Konke akuthethileyo uYehova sokwenza. UMoses wayixelela uYehova intetho yabantu. |
|
| 9 |
|
| Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ndiyeza kuwe ndiselifini elingqingqwa, ukuze beve abantu ekuthetheni kwam nawe, bakholwe kuwe ngonaphakade. Wawaxela ke uMoses amazwi abantu kuYehova. |
|
| 10 |
|
| Wathi uYehova kuMoses, Yiya ebantwini, ubangcwalise namhla nangomso, bazihlambe iingubo zabo, balunge ngomhla wesithathu; |
|
| 11 |
|
| kuba ngomhla wesithathu uya kuhla uYehova phezu kwentaba yeSinayi, emehlweni abantu bonke; |
|
| 12 |
|
| ubamisele abantu imida ngeenxa zonke, uthi kubo, Zigcineni ningenyukeli entabeni, ningawachukumisi amazantsi ayo; osukuba eyichukumisa intaba wobulawa afe. |
|
| 13 |
|
| Makungafiki sandla kuye; makaxulutywe ngamatye mpela, athi mhlawumbi atolwe nokutolwa; nokuba yinto ezizitho zine, nokuba ngumntu, akayi kuphila. Sakolula isandi sesigodlo ukuhlokoma, banganyuka entabeni bona. |
|
| 14 |
|
| Wehla uMoses entabeni, waya ebantwini, wabangcwalisa abantu; bazihlamba iingubo zabo. |
|
| 15 |
|
| Wathi ebantwini, Ize nizilungiselele umhla wesithathu, ningasondeli ebafazini. |
|
| 16 |
|
| Kwathi ngomhla wesithathu, kwakusa, kwabakho iindudumo, nemibane, nelifu elinzima phezu kwentaba, nesandi sesigodlo esomeleleyo kunene; bagubha bonke abantu abaseminqubeni. |
|
| 17 |
|
| UMoses wabakhupha abantu eminqubeni, baya kumkhawulela uThixo; bema emazantsi entaba. |
|
| 18 |
|
| Intaba yeSinayi yaba ngumsi yonke iphela, kuba uYehova wehla phezu kwayo esemlilweni. Umsi wayo wenyuka njengomsi weziko lemfutho; yanyikima kunene yonke intaba. |
|
| 19 |
|
| Kwabakho isandi sesigodlo esaya sisomelela kakhulu;wathetha uMoses, uThixo wamphendula ngesandi. |
|
| 20 |
|
| Wehla ke uYehova phezu kwentaba yeSinayi, encotsheni yentaba; uYehova wambizela uMoses encotsheni yentaba leyo;wenyuka ke uMoses. |
|
| 21 |
|
| Wathi uYehova kuMoses, Yihla, ubaqononondise abantu, hleze batyhobozele kuYehova, bakhangele, kwenzakale into eninzi kubo. |
|
| 22 |
|
| Kananjalo ababingeleleli abasondelayo kuYehova, mabazingcwalise, hleze uYehova ababhubhise. |
|
| 23 |
|
| Wathi uMoses kuYehova, Abantu abanakunyuka, baye entabeni yeSinayi; kuba wena wasiqononondisa wathi, Yimisele imida intaba, uyingcwalise. |
|
| 24 |
|
| Wathi uYehova kuye, Hamba uhle, uze unyuke wena ninoAron;ke ababingeleli nabantu mabangatyhobozi benyuke beze kuYehova, hleze ababhubhise. |
|
| 25 |
|
| Wehla ke uMoses, waya ebantwini, watsho kubo. |
|
|
|
|