IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Kwaphuma umfo wendlu kaLevi, wazeka intombi yakwaLevi. |
| 2 |
| Wamitha umfazi lowo, wazala unyana; wambona ukuba mhle, wamfihla iinyanga ezintathu. |
| 3 |
| Wathi, akuba engasenako ukumfihla, wamthabathela umkhombe wemikhanzi, wawutyabeka ngebhitumene netywina, wamfaka kuwo umntwana, wawubeka engcotyeni, elunxwemeni lomlambo. |
| 4 |
| Udade wabo wema mgama, ukuze ayazi into eya kwenzeka kuye. |
| 5 |
| Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha. |
| 6 |
| Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo, yathi, Ngumntwana wamaHebhere lo. |
| 7 |
| Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, Ndiye kukubizela na umfazi wamaHebhere onokwanyisa, akwanyisele umntwana? |
| 8 |
| Yathi intombi kaFaro kuye, Yiya. Yaya ke intombi leyo, yabiza unina womntwana. |
| 9 |
| Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umanyise;ndokunika umvuzo wakho mna. Umfazi lowo wamthabatha umntwana, wamanyisa. |
| 10 |
| Wakhula umntwana, wamsa ke kwintombi kaFaro, waba ngunyana wayo. Yamthiya igama elinguMoses, yathi, Ndamrhola emanzini. |
| 11 |
| Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe. |
| 12 |
| Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini. |
| 13 |
| Waphuma ngemini yesibini; wabona amaHebhere emabini entlalana; wathi kowone omnye, Yini na ukuba umbethe ummelwane wakho? |
| 14 |
| Wathi yena, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, usitsho nje, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Mayibe le nto iyaziwa. |
| 15 |
| UFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses, wemka kwaFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan, wahlala phantsi ngasequleni. |
| 16 |
| Ke kaloku umbingeleli wakwaMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe; zeza kukha amanzi, zayizalisa imikhumbi ukuba ziseze impahla emfutshane kayise. |
| 17 |
| Bafika abalusi, bazigxotha. Wesuka uMoses wazinceda, wayiseza impahla yazo emfutshane. |
| 18 |
| Zakufika kuRehuweli uyise, wathi, Nitheni na namhlanje ukuhle nifike? |
| 19 |
| Zathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi; kunjalo wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane. |
| 20 |
| Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu lowo? Mbizeni, adle isonka. |
| 21 |
| Wakholwa uMoses kukuhlala naloo ndoda. Yamnika uMoses uTsipora, intombi yayo. |
| 22 |
| Yazala unyana, wamthiya igama elinguGershom, kuba ubesithi, Ndingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga. |
| 23 |
| Kwathi emva kwaloo mihla mininzi wafa ukumkani waseYiputa.Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala;kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi. |
| 24 |
| Wakuva uThixo ukugula kwabo, wawukhumbula uThixo umnqophiso wakhe noAbraham, noIsake, noYakobi. |
| 25 |
| UThixo wababona oonyana bakaSirayeli, wabazi uThixo. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/exodus/002.mp3
40
2