|
| 1 |
|
| UThixo wawathetha ke onke la mazwi, wathi: |
|
| 2 |
|
| NdinguYehova, uThixo wakho, owakukhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka. |
|
| 3 |
|
| Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam. |
|
| 4 |
|
| Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. |
|
| 5 |
|
| Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo; |
|
| 6 |
|
| ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam. |
|
| 7 |
|
| Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe. |
|
| 8 |
|
| Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise. |
|
| 9 |
|
| Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho; |
|
| 10 |
|
| ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho.Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho: |
|
| 11 |
|
| kuba ngemihla emithandathu uYehova wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa. |
|
| 12 |
|
| Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho. |
|
| 13 |
|
| Uze ungabulali. |
|
| 14 |
|
| Uze ungakrexezi. |
|
| 15 |
|
| Uze ungebi. |
|
| 16 |
|
| Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho. |
|
| 17 |
|
| Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho. |
|
| 18 |
|
| Bonke abantu bazibona iindudumo nemibane, nesandi sesigodlo, nentaba ingumsi. Abantu babona ke bangcangacazela, bamela kude. |
|
| 19 |
|
| Bathi kuMoses, Thetha wena nathi, siya kuva; makangathethi nathi uThixo, hleze sife. |
|
| 20 |
|
| Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; kuba uThixo uze kunilinga, ukuba kubekho ukumoyika ebusweni benu, ukuze ningoni. |
|
| 21 |
|
| Abantu bamela kude; wasondela uMoses esithokothokweni abekuso uThixo. |
|
| 22 |
|
| Wathi uYehova kuMoses, Wotsho koonyana bakaSirayeli, ukuthi, Nibonile nina, ukuba ndithethe nani ndisemazulwini. |
|
| 23 |
|
| Ize ningenzi oothixo bokunxulumana nam, ningazenzeli oothixo besilivere, noothixo begolide. |
|
| 24 |
|
| Uze undenzele isibingelelo somhlaba, ubingelele phezu kwaso amadini akho anyukayo, nemibingelelo yakho yoxolo, impahla yakho emfutshane neenkomo zakho. Ndoza kuwe ndikusikelele ezindaweni zonke endomisa kuzo isikhumbuzo segama lam. |
|
| 25 |
|
| Ke ukuba uthe wandenzela isibingelelo samatye, uze ungasakhi ngamatye aqingqiweyo; okanye ukuba uthe wayiphakamisa intlabo yakho phezu kwaso, woba usihlambele. |
|
| 26 |
|
| Uze ungenyuki ngezinyuko esibingelelweni sam, ukuze bungatyhileki ubuze bakho kuso. |
|
|
|
|