|
| 1 |
|
| Ngawo la amasiko oya kuwabeka phambi kwabo: |
|
| 2 |
|
| Xa uthe wazuza ikhoboka elingumHebhere, lokhonza iminyaka ibe mithandathu; lithi kowesixhenxe liphume likhululekile, lingahlawulelwanga. |
|
| 3 |
|
| Ukuba lithe leza lodwa, lophuma lodwa; ukuba belithe leza liyindoda enomfazi, umkalo wophuma nalo. |
|
| 4 |
|
| Ukuba ke inkosi yalo ithe yalizekela umfazi, walizalela oonyana, nokuba ziintombi: umfazi lowo nabantwana balo boba ngabenkosi yalo, liphume lona lodwa. |
|
| 5 |
|
| Ukuba lithe eli khoboka, Ndiyayithanda inkosi yam, nomkam, nabantwana bam, andiyi kuphuma ndikhululekile: |
|
| 6 |
|
| inkosi yalo leyo yolisondeza kuThixo, ilisondeze elucangweni, nokuba kusemgubasini, ilithumbuse indlebe ngenyatyhowa inkosi yalo, liyikhonze ngonaphakade. |
|
| 7 |
|
| Xa ke umntu athe wathengisa ngentombi yakhe, yaba likhobokazana, mayingaphumi ngokokuphuma kwamakhoboka lawo. |
|
| 8 |
|
| Ke ukuba ithe ayayikholisa inkosi yayo, ebizimisele yona, yoyivumela ukuba ikhululwe ngentlawulelo; ke ayiyi kuba nagunya lakuthengisa ngayo kubantu bolunye uhlanga, ukuba iyitshinizele. |
|
| 9 |
|
| Ukuba ithe yayimisela unyana wayo, yothi iyenze ngokwesiko leentombi zonke. |
|
| 10 |
|
| Ukuba ithe yamzekela omnye umfazi, mayingakunciphisi ukudla kwayo, nezambatho zayo, nokubalelwa kwayo. |
|
| 11 |
|
| Ukuba ayithanga izenze ezo zinto zontathu, mayiphume ingahlawulelwanga mali. |
|
| 12 |
|
| Othe wabetha umntu wafa, naye wobulawa afe. |
|
| 13 |
|
| Ke lowo ubengenanzondo, yanguThixo omqubisanise nesandla sakhe, ndokumisela indawo aya kusabela kuyo. |
|
| 14 |
|
| Xa ke umntu athe wagabadela ngakummelwane wakhe, wambulala ngobuqhophololo: uze umsuse nasesibingelelweni sam, afe. |
|
| 15 |
|
| Othe wabetha uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe. |
|
| 16 |
|
| Othe weba umntu, nokuba uthengise ngaye, nokuba ufunyenwe esandleni sakhe, wobulawa afe. |
|
| 17 |
|
| Othe watshabhisa uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe. |
|
| 18 |
|
| Xa athe abambana amadoda, yaza enye yambetha ummelwane wakhe ngelitye, nokuba kungengqindi, akafa, wesuka walala ngendlu: |
|
| 19 |
|
| ukuba uthe wavuka, wahamba phandle esimelela: mayingabi natyala leyo yambethayo, kodwa yomnika indleko yexesha lakhe, imphilise aphile. |
|
| 20 |
|
| Xa athe umntu wabetha isicaka sakhe, nokuba sisicakakazi sakhe ngentonga, safa ngesandla sakhe: sophindezelwa ngenene. |
|
| 21 |
|
| Kodwa ukuba sithe sahlala, asafa, usuku nokuba ziintsuku:makungaphindezelwa; kuba siyimali yakhe. |
|
| 22 |
|
| Xa athe amadoda abambana ngezihlwitha, agila umfazi emithi, waphuma isisu, akwenzakala nto noko: makahlawuliswe ngenene umfo lowo, njengoko iya kubeka phezu kwakhe indoda yaloo mfazi, arhole ngokwelizwi labahluli. |
|
| 23 |
|
| Ukuba uthe wenzakala, uze urhole umphefumlo ngomphefumlo, |
|
| 24 |
|
| iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo, |
|
| 25 |
|
| ukutshiswa ngokutshiswa, inxeba ngenxeba, umvumbo ngomvumbo. |
|
| 26 |
|
| Xa athe umntu wasibetha esweni isicaka sakhe, nokuba uthe wasibetha esweni isicakakazi sakhe, latyhaphaka: makasindulule sikhululekile ngenxa yeliso laso. |
|
| 27 |
|
| Ukuba uthe wakhumla izinyo lesicaka sakhe, nokuba lelesicakakazi sakhe: makasindulule sikhululekile ngenxa yezinyo laso. |
|
| 28 |
|
| Ke xa inkomo ithe yahlaba indoda, nokuba yinkazana, yafa:loo nkomo mayigityiselwe ngamatye, ingadliwa inyama yayo;umnininkomo woba msulwa. |
|
| 29 |
|
| Ke ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, waza waziswa umniniyo, akayigcina noko, yaza yabulala indoda, nokuba yinkazana: mayigityiselwe ngamatye inkomo leyo, kananjalo nomniniyo makabulawe. |
|
| 30 |
|
| Ukuba uthe wamiselwa intlawulo yokuzicamagushela, makayirhole akhulule umphefumlo wakhe, ngako konke akumiselweyo. |
|
| 31 |
|
| Nokuba ihlabe unyana, nokuba ihlabe intombi, makwenziwe kuye ngelo siko. |
|
| 32 |
|
| Ukuba inkomo yakhe ithe yahlaba isicaka, nokuba sisicakakazi, makarholele inkosi yaso iishekele zesilivere ezimashumi mathathu, inkomo yona igityiselwe ngamatye. |
|
| 33 |
|
| Xa umntu athe wavula umhadi, naxa umntu athe wemba umhadi, akawuvingca, kweyela inkomo, nokuba liesile, kuwo: |
|
| 34 |
|
| umninimhadi woyimisela, ambuyisele umniniyo ngemali, leyo ifileyo ibe yeyakhe. |
|
| 35 |
|
| Xa ithe inkomo yomntu yahlaba inkomo yommelwane wakhe, yafa, mabathengise ngenkomo leyo iphilileyo, bayahlule imali yayo; kananjalo mabayahlule leyo ifileyo. |
|
| 36 |
|
| Ukuba kwakusazeka ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, akayigcina umniniyo: makayimisele inkomo ngenkomo, leyo ifileyo ibe yeyakhe. |
|
|
|
|