Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1902
|
| 1 |
| Xeshekweni umntu eba̔yo inkabi, umhlaumbi igusha, aze ayixe̔le, umhlaumbi atengise ngayo, uya kubuyekeza inkomo zibe ntlanu ngenxa yenkabi nye, negusha zibe ne ngenxa yegusha nye. |
| 2 |
| Ukuba isela liyafunyanwa ekugqobozeni, lize libetwe lide life, akayi kuba natyala legazi obelibeta. |
| 3 |
| Ukuba lipumile ilanga pezu kwalo, woba netyala legazi olibetayo; logqibela ukubuyekeza; ukuba alinanto, kwotengiswa ngalo ngenxa yokuba̔ kwalo. |
| 4 |
| Ukuba iyafunyanwa ngenyaniso esandleni salo into ebi̔weyo ipilile, nokuba yinkabi, nokuba liqwaṙashe, nokuba yigusha, lobuyekeza ngokupindiweyo. |
| 5 |
| Xeshekweni umntu aya kwenza intsimi idliwe, umhlaumbi sisitiya semiti yeveyine, aqu̔bele kona inkomo zake, zize zidle entsimini yomnye umntu; uya kubuyekeza kwa ngokulungileyo kweyake intsimi, nangokulungileyo kwesake isitiya semiti yeveyine. |
| 6 |
| Xeshekweni upuma umlilo, ufumane ameva, kuze kugqityelwe izita zenqolowa, umhlaumbi yileyo isemiyo, umhlaumbi yintsimi; lowo upembileyo umlilo wobuyekeza ngenyaniso. |
| 7 |
| Xeshekweni umntu anikela kummelwane wake imali, umhlaumbi impahla, ukuba igcinwe, ize ibi̔we endlwini yalomntu; ukuba liyafunyanwa isela, liya kubuyekeza ngokupindiweyo. |
| 8 |
| Ukuba alifunyanwa isela, umnini walondlu uya kusondezwa kubagwebi, abuzwe ukuba akolulanga isandla sake ngakuyo impahla yommelwane wake kusinina. |
| 9 |
| Pezu kwendawo zonke zokwona, pezu kwenkabi, pezu kweqwaṙashe, pezu kwegusha, pezu kwengubo, pezu kwako konke okulahlekileyo, atshoyo omnye ngako ukuba kokwake, indawo yabo bobabini yoza pambi kwabagwebi; ati lowo abagwebi baya kumgweba, abuyekeze ngokupindiweyo kummelwane wake. |
| 10 |
| Xeshekweni umntu anikela kummelwane wake iqwaṙashe, umhlaumbi inkabi, umhlaumbi igusha, umhlaumbi esinye isilo, ukuba sigcinwe, size sife, umhlaumbi sapulwe, umhlaumbi sitinjwe, kungeko obonayo; |
| 11 |
| isifungo sikayehova soba pakati kwabo bobabini, sokuba akolulanga isandla sake ngakuyo impahla yommelwane wake; andule umniniso asamkele, angabuyekezi. |
| 12 |
| Kanti ukuba sibi̔we kanye kuye, wobuyekeza kumniniso. |
| 13 |
| Ukuba siqwengiwe kanye, makasizise sibe linqi̔na: akayi kubuyekezela okuqwengiweyo. |
| 14 |
| Kanjalo xeshekweni umntu aboleka into kummelwane wake, ize yapulwe, umhlaumbi ife, umniniyo engeko nayo, wobuyekeza ngenyaniso. |
| 15 |
| Ukuba umniniyo uko nayo, akayi kubuyekeza: ukuba iyinto eqeshiweyo, yeza ngenxa yomvuzo wayo. |
| 16 |
| Nxa indoda ihendayo intombi engaxanyiweyo, ide ilale nayo, yosel’ iyilobolela ukuba ibe ngumfazi wayo. |
| 17 |
| Ukuba uyise uyala kanye ukuyinika kuyo, yor̔ola imali njengekazi lentombi. |
| 18 |
| Akuyi kuvuma isanusekazi sipile. |
| 19 |
| Osukuba elala nesilo uya kufiswa ngenyaniso. |
| 20 |
| Obingela otixo bambi, ngapandle kwake uyehova yedwa, wolahlelwa ekutshabalaleni. |
| 21 |
| Akuyi kumkataza owasemzini, akuyi kumucinezela kanjako; ngokuba nibe ningabasemzini ezweni le‐Jipete. |
| 22 |
| Aniyi kubandezela namnye umhlolokazi nenkedama. |
| 23 |
| Ukuba uka ubabandezele, nokuba baka bakale kum, ndiya kukuva ngenyaniso ukukala kwabo; |
| 24 |
| yandule ivute ingqumbo yam, ndize ndinibulale nina ngesiṙele; bati abafazi benu babe ngabahlolokazi, nabantwana benu babe zinkedama. |
| 25 |
| Ukuba uyaboleka omnye wabantu bam olihlwempu ngakuwe imali, akuyi kuba kuye njengomboleki obang’ inzuzo; akuyi kubeka pezu kwake inzuzo enkulu. |
| 26 |
| Ukuba uka utabate ingubo yommelwane wako ibe ngumbambiso, woyibuyisela kuye lingekatshoni ilanga: |
| 27 |
| ngokuba yona isisigubungelo sake yodwa; iyingubo yake pezu kwentlonze yake: ebeya kulala nganto nina? kwakuya kuti, nxa akala kum, ndandule ukuva: ngokuba ndinofefe mna. |
| 28 |
| Utixo akuyi kumtuka, nenkosi pezu kwabantu bako akuyi kuyiqalekisa. |
| 29 |
| Ulibo lwenqolowa yako nolweveyine yako ungalibali ukunikela ngalo: owamazibulo konyana bako uya kumnika kum. |
| 30 |
| Uya kwenje njalo ngenkomo zako na ngegusha zako; zoba nonina imihla ibe sixe̔nxe; ngomhla wesibozo uya kuzinika kum. |
| 31 |
| Naniya kuba ngabantu abangcwele kum: kanjako inyama eqwengiweyo ezindle aniyi kuyidla; yona niya kuyiposa ezinjeni. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa1920/exodus/022.mp3
40
22