Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1902
|
| 1 |
| UZE usondeze kuwe u‐Arone umkuluwe wako, nonyana bake kunye naye, pakati kwalo usapo luka‐Sirayeli, ukuba andikonze ngobuperisite; kwa u‐Arone, u‐Nadabi no‐Abihu, u‐Elezari no‐Yitamare, onyana baka‐Arone. |
| 2 |
| Wauya kumenzela u‐Arone, umkuluwe wako, izivato ezingcwele, zibe zezobungcwalisa nezobuhle. |
| 3 |
| Kanjalo uya kuteta kubo bonke abalumkileyo ngentliziyo, abo ndiwuzalisile umoya wabo ngobulumko, ukuba bazenze izivato zika‐Arone ukumngcwalisa, aze andikonze ngobuperisite. |
| 4 |
| Zizo ezi izivato baya kuzenza: yimbeka, neyefodi, nengubo, nehempe epetiweyo, unkontsho noqwemesha; izivato ezingcwele bozenzela u‐Arone, umkuluwe wako, nonyana bake, ukuze andikonze ngobuperisite. |
| 5 |
| Botabata igolide, nezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, neqiya eshiceneyo. |
| 6 |
| Babeya kuyenza iyefodi ngegolide, ngezuluṙa nesimnyama, ngesibomvu nepotiweyo iqiya eshiceneyo, ngesetyenzwa lencibi yokuluka. |
| 7 |
| Yoba nezibini iziziba zamagxalaba, zibandakanyiwe emancameni ayo omabini; yo wenzwa njalo ke ukubandakanyiswa. |
| 8 |
| Nombinqo ocikiziweyo weyefodi yake, opezu kwayo, woba yinto yakuyo, njengesetyenzwa layo; ngegolide, ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshiceneyo. |
| 9 |
| Wauya kutabata amatye eshohame emabini, uwaqingqe pezu kwawo amagama onyana baka‐Sirayeli; |
| 10 |
| abe matandatu amagama abo pezu kwelinye ilitye, namagama amatandatu aseleyo pezu kwelinye ilitye, njengokuzalwa kwabo. |
| 11 |
| Ngesetyenzwa lomqingqi wamatye, njeng eziqingqwa zaso isincamatiselo, wowaqingqa lamatye omabini, enamagama onyana baka‐Sirayeli: uya kuwenza evingcelwe ezigingqini zegolide. |
| 12 |
| Woti lamatye omabini uwabeke pezu kwezamagxalaba iziziba zeyefodi, abe ngamatye okukumbuza elusatsheni luka‐Sirayeli; waye u‐Arone eya kutwala amagama abo ebusweni bukayehova, pezu kwawo amagxalaba ake omabini, abe yinkumbuzo. |
| 13 |
| Wauya kuzenza izigingqi zegolide; |
| 14 |
| nemixokolelwane emibini yegolide ecocekileyo; ijijanisiwe uya kuyenza, njeng esetyenzwa elitsontelweyo; nalemixokolelwane etsontelweyo woyikonxa kuzo izigingqi. |
| 15 |
| Kanjako uya kuyenza imbeka yokugweba ngesetyenzwa lencibi yokuluka; njengesetyenzwa leyefodi uya kuyenza; ngegolide, ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshiceneyo, uya kuyenza yona. |
| 16 |
| Yoba namacala mane, ipindiwe; yoba sisoluko sesandla ubude bayo, nesoluko sesandla ububanzi bayo. |
| 17 |
| Wauya kufaka kuyo imfakwa zamatye, kwa inṙozo zine zamatye: olunye uṙozo lwoba yirubi, ne topaze, nekabunukele: lulo olu uṙozo lwokuqala. |
| 18 |
| Olwesibini uṙozo lwoba yisamagide, n esafire, neyahalome. |
| 19 |
| Olwesitatu uṙozo lwoba yiyasinte, n eyagate, neyametisite. |
| 20 |
| Olwesine uṙozo lwoba yikrusolite, nesadonutse, nejasipidi: oqiniswa ngegolide ezimfakweni zawo. |
| 21 |
| Amatye la oba njengamagama onyana baka‐Sirayeli, elishumi linamabini, njengawo amagama abo, njeng eziqingqwa zaso isincamatiselo; elinye ngelinye linegama lalo, oba ngawezizwe ezilishumi linazibini. |
| 22 |
| Wauya kuyenza pezu kwembeka imixokolelwane ejijanisiweyo, njeng esetyenzwa elitsontelweyo, ngegolide ecocekileyo. |
| 23 |
| Uya kuyenza kanjalo pezu kwembeka imisesane yegolide ibi mibini: wauya kubeka lemisesane mibini pezu kwazo incam ezimbini zembeka. |
| 24 |
| Uze uyifake lomibini imixokolelwane etsontelweyo yegolide kuleyomisesane mibini esezincameni zembeka. |
| 25 |
| Kodwa ezinye incam ezimbini emixokolelwane mibini etsontelweyo wozikonxa kuzo izigingqi zibini; uze ubeke zona pezu kweziziba zamagxalaba zeyefodi empambili wayo. |
| 26 |
| Wobuya uyenze imisesane mibini yegolide, uyimise ezincameni ezimbini zembeka, empetweni wayo osecaleni leyefodi ngapakati. |
| 27 |
| Ne minye imisesane mibini yegolide uya kuyenza, ubeke yona pezu kweziziba zamagxalaba zozibini zeyefodi ngasezantsi, ngasempambili wayo, malungana nokubandakanywa kwayo, ngapezulu kwombinqo ocikiziweyo weyefodi. |
| 28 |
| Babeya kuyinxibelela imbeka ngemisesane yayo kuyo imisesane yeyefodi ngosinga lwezuluṙa, ukuba ibe pezulu kwawo umbinqo ocikiziweyo weyefodi, nokuba imbeka ingashenxeki kuyo iyefodi. |
| 29 |
| Waye u‐Arone eya kutwala amagama onyana baka‐Sirayeli embekeni yokugweba, pezu kwentliziyo yake, akungena kweyingcwele indawo, abe yinkumbuzo pambi kwoyehova futi. |
| 30 |
| Uya kubeka kanjalo embekeni yokugweba i‐Urime ne‐Tumime, zize zibe pezu kwentliziyo ka‐Arone, akungena ebusweni bukayehova; woti u‐Arone amane akutwale okwokugweba kwosapo luka‐Sirayeli pezu kwentliziyo yake pambi kwoyehova futi. |
| 31 |
| Kanjako ingubo yaseyefodini uya kuyenza ipela ngezuluṙa. |
| 32 |
| Kwobako intunja yayo yentloko pakati kwayo; yoti l entunja yayo ibe nompeto wesetyenzwa lomluki ngento engqongayo; njengentunja yesigcinisifuba yoba nawo, ize ingaṙazuki. |
| 33 |
| Wauya kuzenza pezu kwemiqukumbelo yayo igranate zezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, kwa pezu kwemiqukumbelo yayo ngento engqongayo; nezikencezelo zegolide pakati kwazo ngento engqongayo: |
| 34 |
| sibe sisikencezelo segolide negranate, sibe sisikencezelo segolide negranate, pezu kwemiqukumbelo yengubo leyo ngento engqongayo. |
| 35 |
| Yoba pezu kwake u‐Arone ekukonzeni; ize ivakale intlokoma yayo, nxa angena kweyingcwele indawo ebusweni bukayehova, nanxa apumayo, ukuba angafi. |
| 36 |
| Kanjalo uya kuyenza imbasa ngegolide ecocekileyo, uqingqe pezu kwayo, njeng eziqingqwa zesincamatiselo, ukuti: ubungcwele kuyehova! |
| 37 |
| Uya kubopa yona ngosinga lwezuluṙa, ibe pezu kwalo unkontsho; yoba kwelapambili icala lonkontsho. |
| 38 |
| Yoba pezu kwebunzi lika‐Arone, ukuba u‐Arone abutwale ubono bezinto ezingcwele, ezo usapo luka‐Sirayeli lwozingcwalisa kuzo zonke izipo zalo ezingcwele; yomana ibako pezu kwebunzi lake ngamaxesha onke, ukuze lukoleke ebusweni bukayehova. |
| 39 |
| Kanjako uya kuluka ihempe ngeqiya eshiceneyo; nonkontsho uya kulwenza ngeqiya eshiceneyo; noqwemesha uya kulwenza ngesetyenzwa lomtungi wamabala ngamabala. |
| 40 |
| Nonyana baka‐Arone uya kwenzela bona ihempe, ubenzele nengqwemesha; neminqwazi uya kuyenzela bona, ibe yeyobungcwalisa neyobuhle. |
| 41 |
| Wauya kwambatisa u‐Arone umkuluwe wako ezo nto, kwa nonyana bake kunye naye; uze ubatambise, uzalise izandla zabo, ubangcwalise nokubangcwalisa, ukuba bandikonze ngobuperisite. |
| 42 |
| Uya kubenzela nebrukwe zeqiya, kugujungelwe ubuzé babo; zoba zivela esinqeni kude kube kuwo amatanga. |
| 43 |
| Zoba pezu kwo‐Arone, napezu kwonyana bake, ekungeneni kwabo ententeni yentlangano, nasekusondeleni kwabo esibingelweni ukukonza kweyingcwele indawo; baze bangatwali ubono, bafe ke: woba ngummiselwa ongunapakade lo, kwa kuye, nakwinzalo yake emva kwake. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa1920/exodus/028.mp3
40
28