Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1902
|
| 1 |
| KEKALOKU abantu bakubona ukuba u‐Mosesi uyalibala ukuhla entabeni, baza abantu bahlanganisana ngaku‐Arone, bati kuye: Suka, usenzele otixo, abaya kuhamba pambi kwetu; ngokuba u‐Mosesi lowo, londoda eyasinyusayo ezweni le‐Jipete, singamazi ukuba uhliwe yinto nina. |
| 2 |
| Wati u‐Arone kubo: Kumlani amacici egolide asezindlebeni zabafazi benu, na kwezonyana benu, nakwezentombi zenu, niwazise kum. |
| 3 |
| Baza bonke abantu bawakumla amacici egolide abesezindlebeni zabo, bawazisa ku‐Arone. |
| 4 |
| Wayamkela ke esandleni sabo, wayiyila ngento yokuqoqa, wayenza itole elityityishiweyo. Baza bati: Aba bangotixo bako, Sirayeli! abakunyusileyo ezweni le‐Jipete. |
| 5 |
| Wati u‐Arone akulibona, waka isibingelo ebusweni balo; waza wadanduluka u‐Arone, wati: Ngomso kuya kubako umtendeleko kuyehova. |
| 6 |
| Baza bavuka kusasa ngomnye umhla, banikela amadini okutshiswa, basondeza neminikelo yoxolo; bahlala pantsi ke abantu badle basele nokusela, bandula ukusuka badlale. |
| 7 |
| Wada wateta uyehova ku‐Mosesi, ngokuti: Hamba, uhle; ngokuba abantu bako, abo ububanyusa elizweni le‐Jipete, sebezonakalisile: |
| 8 |
| bapambukile kamsinya endleleni endibe ndibayalele yona; bazenzele itole elityityishiweyo, bazitobile pambi kwalo, balibingele, bati: Aba bangotixo bako, Sirayeli! abakunyusileyo ezweni le‐Jipete. |
| 9 |
| Wati kanjako uyehova ku‐Mosesi: Ndibabonile abantu aba; kekaloku, bona ke, bangabantu abantamo ilukuni. |
| 10 |
| Ngako kaloku ndiyeke, uze umsindo wam uvute ngakubo, ndide ndibagqibele: ndandiya kwenza wena ube sisizwe esikulu. |
| 11 |
| Kodwa u‐Mosesi wambongoza uyehova, utixo wake, wati: Kunganina, Yehova! ukuba kuvute umsindo wako ngasebantwini bako, obakupileyo ezweni le‐Jipete, ngamandla amakulu, nangesandla esomeleleyo? |
| 12 |
| Kunganina ukuba ama‐Jipete atsho ukuti: Kungenxa yobubi abakupileyo, ukuba ababulale ezintabeni, nokuba abagqibele ebusweni bomhlaba? Buya ebushushwini bengqumbo yako, ube nosizi pezu kwobububi ngakubo abantu bako. |
| 13 |
| Kumbula ngo‐Abrahame, ngo‐Yisake, nango‐Sirayeli, izicaka zako, owabubafungela ngokwako, wateta kubo ngokuti: Ndiya kwandisa inzalo yenu ibe njengenkwenkwezi zezulu, nalo lonke elilizwe enditetile ngalo, ndolinika kwinzalo yenu, ize ilidle ilifa lalo kude kube ngunapakade. |
| 14 |
| Waza wanosizi uyehova pezu kwobububi wabete uya kubenza ebantwini bake. |
| 15 |
| Wajika u‐Mosesi wehla entabeni, enawo amacwecwe amabini esinqi̔no esandleni sake; bekuba̔liwe emacwecweni ngamacala omabini; kwaba̔lwa kuwo ngelinye icala nangelinye. |
| 16 |
| Lamacwecwe ebengumsebenzi katixo, nokuba̔la kwakukuba̔la kukatixo, kuqoqiwe emacwecweni. |
| 17 |
| Xeshekweni u‐Yoshuwa weva ingxokozelo yabantu ekumemezeni kwabo, wati ku‐Mosesi: Kuko ingxokozelo yokulwa emnqubeni. |
| 18 |
| Koko wati: Asi lilo ilizwi lesidanduluko sokweyisa, asi lilo nelizwi lesikalo sokucitwa; lilizwi lokucula endilivayo mna. |
| 19 |
| Kwaza kwati, akusondela emnqubeni, wabona itole elo, nokududa; yandul’ ukuvuta ingqumbo ka‐Mosesi, owalahla amacwecwe ezandleni zake, wawaqekeza ezantzi kwentaba. |
| 20 |
| Watabata netole ababelenzile, walitshisa emlilweni, walisila lada lacoleka, walivutululela emanzini, waza waseza usapo luka‐Sirayeli kuwo. |
| 21 |
| Wandula wati u‐Mosesi ku‐Arone: Benze nto nina kuwe abantu aba, ukuba uzisile pezu kwabo isono esikulu kangaka? |
| 22 |
| Wati ke u‐Arone: Maingavuti ingqumbo yenkosi yam! uyabazi ababantu wena, ukuba banxam ele inkohlakalo. |
| 23 |
| Baye besiti kum: Senzele otixo, abaya kuhamba pambi kwetu; ngokuba u‐Mosesi lowo, londoda eyasinyusayo ezweni le‐Jipete, singamazi ukuba uhliwe yinto nina. |
| 24 |
| Ndaza ndati kubo: Osukuba enegolide, makayikumle, ayinike kum; yona ndayiposa emlilweni, kwada kwapuma itole eli. |
| 25 |
| Wati u‐Mosesi akubona abantu ukuba bahlubulukile, (ngokuba u‐Arone ebebahlubisile babe nehlazo pakati kwabasukelayo,) |
| 26 |
| wandula wema u‐Mosesi esangweni lomnquba, wati: Olunge kuyehova, makeze kum! Baye bebutelana ngakuye bonke abalusapo luka‐Levi. |
| 27 |
| Waza wati kubo: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Abanye ngabanye mabafake iziṙele zabc ngasematangeni abo, badlule, babuye kwelinye isango baye kwelinye isango lomnquba, basike omnye umzalwana wake, nomnye umhlobo wake, nomnye ummelwane wake. |
| 28 |
| Lwaye usapo luka‐Levi lwenza ngelizwi lika‐Mosesi; kwawa ke ebantwini, ngalomini, ngati angamawaka matatu amadoda. |
| 29 |
| Ngokuba u‐Mosesi ebesiti: Zalisani izandla zenu kuyehova namhla; ngokuba umntu’eya kuba ngakuye unyana wake, nangakuye umzalwana wake; ukuze namkeliswe namhla itamsanqa. |
| 30 |
| Kwaye kute ngomnye umhla, wati u‐Mosesi ebantwini: Nina nonile ngesono esikulu; kodwa kaloku ndonyukela kuyehova, kungati umhlaumbi ndiya kwenzela isono senu uxoliso. |
| 31 |
| Waza u‐Mosesi wabuyela kuyehova, wati: Au! ababantu bonile ngesono esikulu, bazenzele otixo begolide. |
| 32 |
| Nakaloku, ukuba uya kubaxolela isono sabo —; ukuba kodwa akungebe njalo, uze undicime encwadini yako oyiba̔lileyo. |
| 33 |
| Wandula uyehova wati ku‐Mosesi: Lowo osukuba onile ngakum, nguye endiya kumcima encwadini yam. |
| 34 |
| Kodwa hamba kaloku, ukokele abantu kulo ndawo endanditeta ngayo kuwe: bona ke, ingelosi yam iya kuhamba pambi kwako; koko ngemini yokubuza kwam ndiya kusohlwayela isono sabo pezu kwabo. |
| 35 |
| Waza uyehova wabeta abantu, ngenxa yokuba bebelenzile itole, elo walenzayo u‐Arone. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa1920/exodus/032.mp3
40
32