Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1902
|
| 1 |
| WAZA u‐Mosesi wahlanganisa yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, wati kulo: Ngala amazwi ayalele ngawo uyehova, ukuba niwenze. |
| 2 |
| Yimihla mitandatu ekuya kwenziwa umsebenzi, kodwa ngomhla wesixe̔nxe kuya kubako kuni owobungcwele, isabata yopumlo kuyehova: osukuba ewenza umsebenzi ngawo, uya kufiswa. |
| 3 |
| Aniyi kupemba mlilo kuzo zonke izindlu zenu ngomhla wesabata. |
| 4 |
| Wayeteta u‐Mosesi kuyo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, esiti: Lilo eli ilizwi uyehova ayalele ngalo, ukuti: |
| 5 |
| Tabatani kokukuni umnikelo kuyehova; osukuba enentliziyo evumayo, makawuzise, umnikelo kayehova: igolide, nesilivere, nexina, |
| 6 |
| nezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, neqiya eshiceneyo, n oboya bebokwe, |
| 7 |
| nezintsu zenkunzi zegusha zenziwe bomvu, nezintsu zamacelesi, nemiti yeshitime, |
| 8 |
| neoli ibe yeyesikanyiso, nezimnandi zibe zezeoli yokutambisa nezesiqumiso esimnandi, |
| 9 |
| namatye eshohame, namatye okufakwa, aweyefodi nawembeka. |
| 10 |
| Babeya kuza bonke abantliziyo zilumkile pakati kwenu, benze konke ayalele ngako uyehova: |
| 11 |
| itabanakele, intente yayo, nesigubungelo sayo, amakonxo ayo, neplanke zayo, imivalo yayo, intsika zayo, neziseko zayo; |
| 12 |
| ityeya, nezibonda zayo, isihlalo sofefe, nekuselo lelengalenga; |
| 13 |
| itafile, nezibonda zayo, nazo zonke impahla zayo, nezonka zokubonakala; |
| 14 |
| nekandelare yesikanyiso, nempahla zayo, nezibane zayo, neoli yesikanyiso; |
| 15 |
| nesibingelo sesiqumiso, nezibonda zaso, neoli yokutambisa, nesiqumiso esimnandi; nelengalenga locango emnyango wetabanakele; |
| 16 |
| isibingelo samadini okutshiswa, neziko lexina esiya kuba nalo, izibonda zaso, nazo zonke impahla zaso; isihlambelo, nesikondo saso; |
| 17 |
| amalengalenga ebala, intsika zalo, neziseko zazo; nelengalenga lesango lebala; |
| 18 |
| izikonkwane zetabanakele, nezikonkwane zebala, nentambo zazo; |
| 19 |
| izivato zobukonzo, zokuba kukonzwe kweyingcwele indawo, izivato ezingcwele zika‐Arone umperisite, nezivato zonyana bake, zokuba bakonze ngobuperisite. |
| 20 |
| Yandula yapuma yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli ebusweni buka‐Mosesi. |
| 21 |
| Baye besiza bonke ngabanye abantliziyo ibavusileyo, nabo bonke abamoya wabaqu̔bayo, bazisa umnikelo kayehova ngenxa yomsebenzi wentente yentlangano, nangenxa yenkonzo yayo, nangenxa yezivato ezingcwele. |
| 22 |
| Baye besiza, kwa amadoda nabafazi, bonke abanentliziyo evumayo, bazisa izacolo, namacici, nemisesane, nezidanga, zizinto zegolide zonke; nabo bonke abanikela umnikelo wegolide kuyehova. |
| 23 |
| Kanjalo bonke abantu bekufunyanwa kubo izuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, neqiya eshiceneyo, n oboya bebokwe, nezintsu zenkunzi zegusha zenziwe bomvu, nezintsu zamacelesi, bazizisa. |
| 24 |
| Bonke abanikela umnikelo wesilivere nowexina, bawuzisa umnikelo kayehova; nabo bonke bekufunyanwa kubo imiti yeshitime, ngenxa yomnye umsebenzi wenkonzo, bayizisa. |
| 25 |
| Nabo bonke abafazi, abantliziyo ilumkileyo, basonta ngezandla zabo; baza bazisa okusontiweyo, okwezuluṙa nesimnyama, okwesibomvu neqiya eshiceneyo. |
| 26 |
| Nabo bonke abafazi abantliziyo yabavusayo ebulumkweni, basonta uboya bebokwe. |
| 27 |
| Nenkosi zazisa zona amatye eshohame, namatye okufakwa, aweyefodi nawembeka; |
| 28 |
| nezimnandi, nezeoli yokutambisa, nezesiqumiso esimnandi, neoli yesikanyiso. |
| 29 |
| Lwazisa lonke usapo luka‐Sirayeli umnikelo wesisa kuyehova, onke amadoda nabo bonke abafazi, abantliziyo ibaqu̔bayo ukuzisela yonke imisebenzi, abeyalele uyehova ukuba yenziwe ngesandla sika‐Mosesi. |
| 30 |
| Waza u‐Mosesi wati elusatsheni luka‐Sirayeli: Niyabona ke, uyehova umbizile ngegama u‐Betsalele, unyana ka‐Uri, unyana ka‐Hure, owesizwe sika‐Juda. |
| 31 |
| Yena umzalisile ngomoya katixo, ngobulumko, nangengqondo, nangokwazi, nangentlobo zonke zomsebenzi; |
| 32 |
| ukuze aqinge amasetyenzwa obuncibi, enze ngegolide, nangesilivere, nangexina, |
| 33 |
| nangokuqingqa amatye, okuba kufakwe nangokuqingqa imiti, yokuba kwenziwe ngemisebenzi yonke yobuncibi. |
| 34 |
| Kanjalo ubekile entliziyweni yake ukuba afundise abanye, kwe yake na kwe ka‐Aholiyabi, unyana ka‐Ahisamaki, owesizwe sika‐Dane. |
| 35 |
| Aba ubazalisile ngobulumko bentliziyo, ukuze kwenziwe yonke imisebenzi, eyomqingqi, neyencibi yokuluka, neyomtungi wamabala ngamabala, ngezuluṙa, nangesimnyama, nangesibomvu, nangeqiya eshiceneyo, neyomluki, n eyabenzi bemisebenzi yonke, neyabaqingi bamasetyenzwa obuncibi. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa1920/exodus/035.mp3
40
35