|
| 1 |
|
| Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Kangela, ndikwenzile ube ngutixo ku‐Faro; no‐Arone, umkuluwe wako, woba ngumprofite wako. |
|
| 2 |
|
| Uya kuteta wena konke endikuyalela ngako; andule u‐Arone, umkuluwe wako, atete ku‐Faro, ukuba andulule usapo luka‐Sirayeli elizweni lake. |
|
| 3 |
|
| Nam ndiya kuyenza lukuni intliziyo ka‐Faro; ndandiya kwandisa imiqondiso yam nemimangaliso yam ezweni le‐Jipete. |
|
| 4 |
|
| Koko u‐Faro engayi kunipulapula, ndandiya kubeka isandla sam pezu kwe‐Jipete, ndikupe imikosi yam, abantu bam abalusapo luka‐Sirayeli, elizweni le‐Jipete, ngemigwebo emikulu. |
|
| 5 |
|
| Aeya kukwazi ama‐Jipete okokuba ndi nguyehova, ekwoluleni kwam isandla sam pezu kwe‐Jipete, nasekukupeni kwam usapo luka‐Sirayeli pakati kwawo. |
|
| 6 |
|
| Baza u‐Mosesi no‐Arone benza njengoko uyehova wabeyalele ngako; benza ngokunjalo ke. |
|
| 7 |
|
| Waye u‐Mosesi, ubudala bake, wayiminyaka imashumi asibozo, no‐Arone obake babuyiminyaka imashumi asibozo anemitatu, okuya bateta no‐Faro. |
|
| 8 |
|
| Waza wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti: |
|
| 9 |
|
| Xeshekweni u‐Faro aya kuteta nani, esiti: Zenzeleni ummangaliso; wandule uti ku‐Arone: Tabata intonga yako, uyipose pantsi ebusweni buka‐Faro; yoba yinyoka ke. |
|
| 10 |
|
| Baya u‐Mosesi no‐Arone ku‐Faro, benje njalo ke, njengokuba uyehova ebeyalele: wati u‐Arone waposa pantsi intonga yake ebusweni buka‐Faro, nasebusweni bezicaka zake, yaza yaba yinyoka. |
|
| 11 |
|
| Wandula u‐Faro wabiza izilumko nezanuse: zaza incibi zase‐Jipete zenje njalo nazo ngento zobugqi bazo. |
|
| 12 |
|
| Ngokuba zibe ziposa pantsi ezinye ngezinye intonga zazo, zaza zaba zinyoka; koko isuke intonga ka‐Arone yaginya intonga zazo. |
|
| 13 |
|
| Yaba gwenxa ke intliziyo ka‐Faro, waza akabapulapula, njengokuba ebetshilo uyehova. |
|
| 14 |
|
| Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Inzima intliziyo ka‐Faro: uyala ukubandulula abantu. |
|
| 15 |
|
| Yiya ku‐Farokwakusa; bona ke, wopuma ukuya emanzini; wauya kuma malungana naye elunxwemeni lwomlambo; nentonga ebiguqulwa yaba yinyoka uya kuyipata esandleni sako. |
|
| 16 |
|
| Wauya kuti kuye: Uyehova, utixo wama‐Hebere, unditumile kuwe, esiti: Bandulule abantu bam, ukuze bandikonze entlango; kodwa bona ke, akupulapulanga kwada kwakaloku nje. |
|
| 17 |
|
| Utsho uyehova ukuti: Ngako oku uya kukwazi okokuba ndi nguyehova; bona ke, ndiya kubeta ngentonga esesandleni sam pezu kwamanzi asemlanjeni, aeya kuguqulwa abe ligazi. |
|
| 18 |
|
| Kanjalo intlanzi ezisemlanjeni ziya kufa, ude unuke umlambo; oti nama‐Jipete adele ukusela amanzi omlambo. |
|
| 19 |
|
| Waza wati uyehova ku‐Mosesi: Yiti ku‐Arone: Tabata intonga yako, usolule isandla sako pezu kwamanzi ase‐Jipete, pezu kwemilanjana yabo, pezu kwemijelo yabo, napezu kwamacibi abo, napezu kwazo zonke indawo zabo zokuhlanganisana kwamanzi, abe ligazi; kuze kubeko igazi kulo lonke ilizwe le‐Jipete, nakweyemiti nakweyamatye imipanda. |
|
| 20 |
|
| Baye besenje njalo u‐Mosesi no‐Arone, njengokuba ebeyalele uyehova; wapakamisa intonga, wabeta amanzi asemlanjeni, pambi kwamehlo ka‐Faro, napambi kwamehlo ezicaka zake; aza aguqulwa onke amanzi asemlanjeni aba ligazi. |
|
| 21 |
|
| Kanjalo intlanzi ezisemlanjeni zafa ke; wanuka nomlambo, ada ama‐Jipete akohlwa kusela amanzi omlambo; laye libako igazi kulo lonke ilizwe le‐Jipete. |
|
| 22 |
|
| Zaza incibi zase‐Jipete zenje njalo ngento zobugqi bazo: yaba gwenxa ke intliziyo ka‐Faro, akabapulapula kanjako, njengokuba ebetshilo uyehova. |
|
| 23 |
|
| Wasuka wajika u‐Faro, waya endlwini yake engayibekelanga nale n to intliziyo yake. |
|
| 24 |
|
| Aza onke ama‐Jipete embela amanzi okusela ezindaweni ezingqongayo umlambo; ngokuba ebekohlwa ukusela amanzi omlambo. |
|
| 25 |
|
| Zaye zizaliseka intsuku zasixe̔nxe, emveni kwokuba ebebetile umlambo uyehova. |
|
|
|
|