IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Nyana wam, ukuba uthe wazamkela iintetho zam, Wayiqwebela kuwe imithetho yam, |
| 2 |
| Ukuze uyibazele ubulumko indlebe yakho, Uyithobele ukuqonda intliziyo yakho; |
| 3 |
| Ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo, Walisa ekuqondeni ilizwi lakho; |
| 4 |
| Ukuba uthe wabufuna njengesilivere, Wabumba njengobutyebi obuselelweyo: |
| 5 |
| Uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, Ukufumane ukumazi uThixo, |
| 6 |
| Ngokuba uYehova upha ubulumko; Emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda. |
| 7 |
| Ubaqwebela uzimaso abathe tye, Uyingweletshetshe kwabahamba ngengqibelelo, |
| 8 |
| Ukuze alondoloze umendo wesiko, Agcine nendlela yabakhe benceba. |
| 9 |
| Uya kwandula uqonde ubulungisa, Nesiko, nokuthe tye, nayo yonke imikhondo yokulungileyo; |
| 10 |
| Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho, Ukwazi kwenze mnandi umphefumlo wakho. |
| 11 |
| Ukunkqangiyela kokugcina, Ukuqonda kokulondoloza; |
| 12 |
| Ukuba kukuhlangule endleleni embi, Kubantu abathetha impenduka; |
| 13 |
| Kwabashiya umendo wokuthe tye, Ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama; |
| 14 |
| Kwabavuyela ukwenza ububi, Bagcobe ngeempenduka zabenza ububi; |
| 15 |
| Abamendo ujibilizayo, Abathi gu bucala ngemikhondo yabo; |
| 16 |
| Ukuze uhlangulwe kumkamntu, Kowolunye uhlanga, ontetho yakhe igudileyo; |
| 17 |
| Lowo ushiya ikholwane lobutsha bakhe, Awulibale umnqophiso woThixo wakhe. |
| 18 |
| Kuba utshona ekufeni nendlu yakhe, Nemikhondo yakhe itshonela kwabangasekhoyo; |
| 19 |
| Bonke abangenayo kuye ababuyi, Abafiki kumendo wobomi: |
| 20 |
| Ukuze uhambe ngendlela yabalungileyo, Ugcine umendo wamalungisa. |
| 21 |
| Ngokuba abathe tye baya kulima ilizwe, Basale kulo abagqibeleleyo, |
| 22 |
| Banqunyulwe ezweni abangendawo, Abanginizayo bancothulwe kulo. |
| Gcina amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/proverbs/002.mp3
31
2