IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Iye phi na intanda yakho, Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi? Ibheke ngaphi na intanda yakho, Ukuze sikufunise? |
| 2 |
| Intanda yam ihle yaya emyezweni wayo, emityinweni yetyeleba, Ukuba yalusele emyezweni, ukuba ikhe iinyibiba. |
| 3 |
| Mna ndingowentanda yam, nentanda yam yeyam yona; Yalusela ezinyibibeni. |
| 4 |
| Uyinzwakazi, wethu, njengeTirtsa, Unomkhitha njengeYerusalem; Woyikeka njengemikhosi eneebhanile. |
| 5 |
| Wasuse amehlo akho kum, Ngokuba andiqwelile. Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe Ezisemathambekeni aseGiliyadi. |
| 6 |
| Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegusha Ezinyukayo, zivela ekuhlanjweni, Zonke zizele amawele, Kungekho ifelweyo kuzo. |
| 7 |
| Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho, Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho. |
| 8 |
| Bangamashumi amathandathu ookumkanikazi, angamashumi asibhozo amashweshwe, Neentombi ezingenakubalwa. |
| 9 |
| Mnye yena olivukuthu lam oyingqibeleli yam; Mnye yena kunina, Umnyulwa walowo wamzalayo. Zambona iintombi, zathi unoyolo, Bamdumisa ookumkanikazi namashweshwe. |
| 10 |
| Ngubani na lo uthi gqi njengesifingo, Mhle njengenyanga, Unyulu njengelanga, Woyikeka njengemikhosi eneebhanile? |
| 11 |
| Bendihle ndaya emyezweni weminoti, Ukuba ndikhangele uhlaza lwesihlambo, Ndikhangele ukuba umdiliya unamathupha na, Imirharnate ityatyambile na. |
| 12 |
| Bendingazi ukuba umphefumlo wam undibeke Ezinqwelweni zabantu bam, zamanene. |
| 13 |
| Buya, buya, mShulamikazi; Buya, buya, sikubone. Nibona ntoni na kumShulamikazi, Njengokungathi kukuqamba kwabaMahanayim? |
| Gcina amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/songofsolomon/006.mp3
8
6