IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Yabona, ukumkani uya kulawula ngokobulungisa, abathetheli bathethele ngokwesiko; |
| 2 |
| umntu abe njengendawo yokuzimela umoya, neyokusithela esiphangweni; abe njengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo. |
| 3 |
| Akayi kuvingcwa amehlo ababonayo; zibazeke iindlebe zabevayo. |
| 4 |
| Yoqonda ukwazi intliziyo yabangxamayo, ulwimi lwabathintithayo lungxamise ukuthetha ngokuthe tyhatyhasini. |
| 5 |
| Isidenge akuyi kuba sathiwa silinene, itshivela akuyi kuthiwa lilinono; |
| 6 |
| kuba isidenge sithetha ubudenge, intliziyo yaso yenza ubutshinga, ukuze senze ububi; sithetha into yokubhuda ngoYehova, silambathise umphefumlo wolambileyo, simswelise onxaniweyo into eselwayo. |
| 7 |
| Ubutshivela betshivela bubi; liceba amayelenqe okonakalisa iintsizana ngamazwi obuxoki, naxa ihlwempu lithetha ngokusesikweni. |
| 8 |
| Inene lona liceba izinto zobunene; lona limi ngezinto zobunene. |
| 9 |
| Bafazi batyeshileyo, sukani nime; liveni ilizwi lam, zintombi zingakhathaliyo; yibekeleni indlebe intetho yam. |
| 10 |
| Iya kuba ziintsuku nokuba ngumnyaka, nigungqe, zintokazi zingakhathaliyo; kuba kuphelile ukuvuna izidiliya; ukubutha iziqhamo akuyi kubakho nakanye. |
| 11 |
| Gubhani, zintokazi zityeshileyo; gungqani, zintokazi zingakhathaliyo; hlubani nichushuluze, nibhinqe ezirhwexayo emanqeni. |
| 12 |
| Baya kubetha emabeleni ngenxa yamasimi anqwenelekayo, nangenxa yemidiliya eneziqhamo. |
| 13 |
| Kuya kuphuma imithi enameva namakhakakhaka emhlabeni wabantu bakowethu; ewe, naphezu kwezindlu zonke zemihlali kumzi odlamkileyo. |
| 14 |
| Kuba iingxande ezinde zilahliwe, ingxokolo yomzi ishiyiwe;iOfele nemboniselo ziza kuba yimiqolomba ngonaphakade, zibe ziindawo zokudlamkela kwamaesile asendle, zibe lidlelo lemihlambi; |
| 15 |
| ade agalelwe phezu kwethu uMoya ophuma phezulu, isuke intlango ibe yintsimi echumayo, intsimi echumayo kuthiwe lihlathi. |
| 16 |
| Entlango ke kuya kuma okusesikweni, buhlale ubulungisa entsimini echumayo. |
| 17 |
| Wothi umsebenzi wobulungisa ube luxolo, nokwenza kobulungisa kube kukuzola nokukholosa ngonaphakade; |
| 18 |
| abantu bakowethu baya kuhlala esithilini esinoxolo, eminqubeni yenkoloseko, ezindaweni zokuphumla ezinokonwaba. |
| 19 |
| Kuya kuphalala izichotho ekuweni kwehlathi, ugungxulelwe umzi endaweni ephantsi. |
| 20 |
| Hayi, uyolo lwenu bahlwayela ngasemanzini onke, bayekele amanqina enkomo nawe-esile. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/isaiah/032.mp3
66
32