IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Inemihlali intlango nomqwebedu; iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo. |
| 2 |
| Iyatyatyamba, ithi rhoqo; iyagcoba, ewe, iyagcoba, imemelele, inikwe ubuqaqawuli beLebhanon, ubungangamela beKarmele neSharon; ezo ndawo ziya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ubungangamela boThixo wethu. |
| 3 |
| Yomelezani izandla eziwileyo, niwaqinise amadolo agexayo. |
| 4 |
| Yithini kwabantliziyo zingxamayo, Yomelelani, ningoyiki.Yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo; uya kuza yena anisindise. |
| 5 |
| Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; |
| 6 |
| size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge; ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango, nemilambo enkqantosini; |
| 7 |
| isanga sibe lidike, neendawo ezinxaniweyo zimpompoze amanzi. Esikhundleni sempungutye, apho ibuthuma khona, kuya kuba butyani neengcongolo nemikhanzi. |
| 8 |
| Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela, kuthiwe ukubizwa kwayo, yindlela engcwele le. Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo; yeyabo yona: abahamba loo ndlela nabazizihula abayi kulahleka kuyo. |
| 9 |
| Akuyi kubakho ngonyama khona, aliyi kuqabela khona irhamncwa eliqwengayo; aliyi kufunyanwa khona; kuya kuhamba khona abakhululwe ngokuhlawulelwa; |
| 10 |
| abakhululwa bakaYehova babuye beze eZiyon bememelela;benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi. |
| Gcina amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/isaiah/035.mp3
66
35