IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Yoo! Wanga ungawakrazula amazulu uhle, zizamazame iintaba ebusweni bakho, |
| 2 |
| njengomlilo uvuthisa iintsasa, njengomlilo uxhaphazelisa amanzi; ukuze ulazise igama lakho kubabandezeli bakho, zigungqe iintlanga ebusweni bakho. |
| 3 |
| Ekwenzeni kwakho imisebenzi eyoyikekayo, ebe singayilindele, wanga ungehla, zizamazame iintaba ebusweni bakho! |
| 4 |
| Kususela kwasephakadeni, abantu abevanga, abamamelanga, neliso alibonanga Thixo ingenguwe, omenzelayo lowo ulindele kuye. |
| 5 |
| Umkhawulele onemihlali, enze ubulungisa, ekukukhumbuleni kwabo ezindleleni zakho. Yabona, wena ubunoburhalarhume, masibe ke singaboni; kudala sikwezo zinto; sosindiswa na ke? |
| 6 |
| Ke sisuke saba njengoyinqambi sonke siphela, yanjengengubo enomzi yonke imisebenzi yethu yobulungisa; sabuna njengamagqabi sonke siphela, ubugwenxa bethu basithabatha njengomoya. |
| 7 |
| Akwabakho ulinqulayo igama lakho, uzixhoxhayo ukuba abambelele kuwe; ngokuba ubusithelisile ubuso bakho kuthi, wasinyibilikisa ngobugwenxa bethu. |
| 8 |
| Kaloku ke, Yehova, unguBawo; siludongwe; unguMbumbi wethu;sisisenzo sesandla sakho, sonke siphela. |
| 9 |
| Musa ukuba noburhalarhume, Yehova, kuphele; ungabukhumbuli ubugwenxa ngonaphakade. Yabona, khawusibheke; singabantu bakho sonke siphela. |
| 10 |
| Imizi yobungcwele bakho iyintlango, iZiyon iyintlango, iYerusalem ilinxuwa. |
| 11 |
| Indlu yobungcwele bethu nokuhomba kwethu, ababekudumisela kuyo oobawo, itshile ngumlilo, neento zonke ezibe zinqweneleka kuthi zichithakele. |
| 12 |
| Uya kuzihamba na ngokwakho, zinjalonje ezo zinto, Yehova, uthi cwaka na, usicinezele na kuphele? |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/isaiah/064.mp3
66
64