|
| 1 |
|
| Zityhutyheni izitrato zaseYerusalem; khanikhangele, nazi, nifune ezindaweni zayo zembutho, ukuba nomfumana na umntu, ukuba ukho na umntu owenza ngokusesikweni, ofuna ukunyanisa:ndoyixolela. |
|
| 2 |
|
| Nokuba bathi, Ehleli nje uYehova, boba bafunga bexoka. |
|
| 3 |
|
| Yehova, amehlo akho akajonge ekunyaniseni, yini na?Uyababetha, abevi ntlungu; uyabagqibela kuphele, abavumi ukuthethiswa; babenza ngwanyalala ubuso babo ngaphezu kwengxondorha, abavumi ukubuya. |
|
| 4 |
|
| Ndathi mna, Zizisweli zodwa zona, zimathile; ngokuba abayazi indlela kaYehova, nesiko loThixo wabo. |
|
| 5 |
|
| Ndokha ndiye kwabakhulu, ndithethe nabo; ngokuba bayayazi bona indlela kaYehova, isiko loThixo wabo; ke bona bayaphule kunye idyokhwe, baziqhawula izitropu. |
|
| 6 |
|
| Ngenxa yoko iyababulala ingonyama yasehlathini, iyabadlavula ingcuka yasezinkqantosini, ingwe ilalela imizi yabo; bonke abo baphuma kuyo bayaqwengwa; ngokuba luninzi ukreqo lwabo, kuninzi ukuphamba kwabo. |
|
| 7 |
|
| Ndothini na ukukuxolela? Oonyana bakho bandishiyile, bafunga abangethixo; ndabafungisa, ke bakrexeza, bathi ngunga endlwini yamahenyukazi. |
|
| 8 |
|
| Bayazibela njengeenkunzi zamahashe ezityetyisiweyo, elowo ukhonyela umfazi wommelwane wakhe. |
|
| 9 |
|
| Mandingaveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova;ungaphindezeli na ke umphefumlo wam, kuhlanga olunje? |
|
| 10 |
|
| Nyukani ezindongeni zayo, nonakalise; kodwa ningagqibeli kuphele; susani amasebe ayo, ngokuba engengakaYehova. |
|
| 11 |
|
| Ngokuba itshinizile kakhulu kum indlu kaSirayeli nendlu kaYuda, utsho uYehova. |
|
| 12 |
|
| Bayamkhanyela uYehova; bathi, Asinguye, abuyi kusifikela ububi, asiyi kubona krele nandlala; |
|
| 13 |
|
| abaprofeti baya kuba ngumoya; othethayo akakho kubo;makwenjiwe njalo kubo. |
|
| 14 |
|
| Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ngenxa enokuba nilithetha elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi am emlonyeni wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle. |
|
| 15 |
|
| Yabona, ndifikisa phezu kwenu, ndlu kaSirayeli, uhlanga lwakude, utsho uYehova; luhlanga oluqinileyo, luhlanga oludala, luhlanga oluntetho ungayaziyo, ongayivayo into oluyithethayo. |
|
| 16 |
|
| Umphongolo walo unjengengcwaba elivulekileyo; bonke bephela bangamagorha. |
|
| 17 |
|
| Luya kukudla ukuvuna kwakho nesonka sakho; luya kubadla oonyana bakho neentombi zakho; luya kuyidla impahla yakho emfutshane neenkomo zakho; luya kuwudla umdiliya wakho nomkhiwane wakho; luya kuyiviva ngekrele imizi yakho enqatyisiweyo, okholose ngayo. |
|
| 18 |
|
| Noko ke ngaloo mihla, utsho uYehova, andiyi kunigqibela kuphele. |
|
| 19 |
|
| Kuthi, xa nithi, UYehova uThixo wethu uzenzeleni na ezo zinto zonke kuthi? uze uthi kubo, Njengokuba nindishiyile mna, nakhonza oothixo bolunye uhlanga ezweni lenu, kwangokunjalo niya kukhonza abasemzini ezweni elingelenu. |
|
| 20 |
|
| Kuxeleni oku endlwini kaYakobi, nikuvakalise kwaYuda, nithi, |
|
| 21 |
|
| Khanive oku, bantu bazizidenge, bangenantliziyo; banamehlo, bengaboni; baneendlebe, bengeva. |
|
| 22 |
|
| Mna anindoyiki na? utsho uYehova; anizibhijabhiji na ebusweni bam, mna ndiyibekileyo intlabathi yangumda wolwandle, yangummiselo ongunaphakade olungawugqithiyo? Ayalatyuza amaza alo, angabi nakwenza nto; agqume, angawugqithi. |
|
| 23 |
|
| Ke aba bantu banentliziyo eyinjubaqa, eneenkani; bakreqile bemka. |
|
| 24 |
|
| Abatsho nokuthi ezintliziyweni zabo, Makhe soyike uYehova uThixo wethu, osinika imvula ethambisayo nevuthisayo ngexesha elililo; osigcinela iiveki ezimisiweyo zasekwindla. |
|
| 25 |
|
| Izenzo zenu ezigwenxa zizisunduzile ezo zinto, izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo. |
|
| 26 |
|
| Ngokuba kufunyanwa abangendawo phakathi kwabantu bam;bayalalela ngokuncathama kwabathiyeli, benza isihogo, babambisa abantu. |
|
| 27 |
|
| Njengendlwane izele ziintaka, zinjalo izindlu zabo ukuzala yinkohliso; ngenxa yoko bakhulile baba zizityebi. |
|
| 28 |
|
| Batyebile, bagudile; kananjalo bagqithisele ngezinto ezimbi; ityala abalilungisa, ityala leenkedama, ukuze zibe nempumelelo; abaligwebi ityala lamahlwempu. |
|
| 29 |
|
| Ndingaveleli na ke ngenxa yezo nto? utsho uYehova;ungaphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje? |
|
| 30 |
|
| Kwenziwa into emangalisayo, ebanga amanwele ezweni: |
|
| 31 |
|
| abaprofeti baprofeta ngobuxoki, nababingeleli banobukhosi ngezandla zabo; abantu bam ke bathanda ukuba kube njalo. Niya kuthini na ke ekupheleni kwako oko? |
|
|
|
|