|
| 1 |
|
| Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, |
|
| 2 |
|
| Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho entabeni yakwaSehire, uprofete ngayo, |
|
| 3 |
|
| uthi kuyo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, ntaba yakwaSehire. Ndosolulela isandla sam phezu kwakho, ndikwenze kube senkangala yakwankangala. |
|
| 4 |
|
| Imizi yakho ndiya kuyenza amanxuwa, ube senkangala; wazi ukuba ndinguYehova. |
|
| 5 |
|
| Ngenxa enokuba waba nobutshaba obungunaphakade, wabanikela esandleni sekrele oonyana bakaSirayeli ngexesha lokusindeka kwabo, ngexesha lobugwenxa bokuphela: |
|
| 6 |
|
| ngako oko, ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kukwenza igazi; lokusukela ke igazi; ngokokuba ungalithiyanga igazi, lokusukela igazi. |
|
| 7 |
|
| Ndoyenza kube senkangala yakwankangala intaba yakwaSehire, ndinqumle kuyo odlulayo nobuyayo. |
|
| 8 |
|
| Ndiya kuzizalisa iintaba zakhe ngababuleweyo bakhe;ezindulini zakho, nasemifuleni yakho, nasezihlanjeni zakho zonke, ababuleweyo ngekrele bawe kuzo. |
|
| 9 |
|
| Ndiya kukwenza kube senkangala kuwe ngonaphakade, imizi yakho ingemiwa mntu; nazi ukuba ndinguYehova. |
|
| 10 |
|
| Ngenxa enokuba usithi, Iintlanga ezi zombini namazwe la omabini ngawam, sowahlutha; ukanti uYehova ukhona; |
|
| 11 |
|
| ngako oko ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ndiya kwenza kuwe ngokomsindo wakho, nangokobukhwele bakho, obenzileyo kubo ngentiyo yakho; ndizazise kubo, xenikweni ndithe ndakugweba. |
|
| 12 |
|
| Uya kwazi ukuba mna Yehova ndikuvile konke ukugiba kwakho, owakuthethayo ngeentaba zakwaSirayeli, usithi, Kusenkangala kuzo, sizinikiwe ukuba zibe kukudla. |
|
| 13 |
|
| Nizikhulisele ngam ngemilomo yenu, nawafumba phezu kwam amazwi enu; ndivile ke mna. |
|
| 14 |
|
| Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Lakuvuya ihlabathi lonke, ndokwenza kube senkangala kuwe. |
|
| 15 |
|
| Njengoko walivuyelayo ilifa lendlu kaSirayeli, ngenxa yokuba bekusenkangala kulo, ndiya kwenjenjalo kuwe; kuya kuba senkangala kuwe, ntaba yakwaSehire, nelakwaEdom lonke liphela;bazi ukuba ndinguYehova. |
|
|
|
|