IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Liveni ilizwi likaYehova, nyana bakaSirayeli; ngokuba uYehova ubambene nabemi belizwe eli; ngokuba kungekho nyaniso, kungekho nceba, kungekho kwazi uThixo kweli lizwe. |
| 2 |
| Kukushwabula, nokuxoka, nokuncinitha, nokuba, nokukrexeza;bagqobhozile, igazi liphathelele kwigazi. |
| 3 |
| Ngenxa yoko ilizwe lenza isijwili, zithokombisile zonke izinto ezimi kulo; izinto eziphilileyo zasendle, neentaka zezulu, kwaneentlanzi zolwandle, ziyasuswa. |
| 4 |
| Kodwa makangabambani omnye nomnye, omnye makangamohlwayi omnye; abantu bakowenu banjengobambene nombingeleli. |
| 5 |
| Wokhubeka emini, umprofeti enawe akhubeke ebusuku, ndimtshabalalise unyoko. |
| 6 |
| Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho;ndobalibala abantwana bakho nam. |
| 7 |
| Okukhona bandileyo, kokukhona bonileyo kum; uzuko lwabo ndiya kulwananisa ngocukucezo. |
| 8 |
| Badla idini lesono labantu bam; umphefumlo wabo bawuphakamisela ebugwenxeni babo. |
| 9 |
| Kuya kuthi, njengoko banjalo abantu, abe njalo umbingeleli;ndizivelele iindlela zakhe kuye, ndizibuyisele kuye iintlondi zakhe. |
| 10 |
| Bodla bangahluthi; bahenyuze bangandi; ngokuba bekuyekile ukumphulaphula uYehova. |
| 11 |
| Uhenyuzo, newayini, newayini entsha, ziwexula intliziyo. |
| 12 |
| Abantu bam babuzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela;ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuze bemka phantsi koThixo wabo. |
| 13 |
| Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki nemipopulari nemiterebhinti, kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu. |
| 14 |
| Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza;noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namang awukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi. |
| 15 |
| Ukuba uyahenyuza, Sirayeli, makangazeki ityala uYuda;musani ukuya eGiligali, ningenyuki niye eBhetaven, ningafungi nithi, Ehleli nje uYehova. |
| 16 |
| Kuba uSirayeli uyinjubaqa, njengethokazi eliyinjubaqa;ngoku uYehova uya kubalusela emphangalaleni, njengamatakane. |
| 17 |
| UEfrayim ubophene nezithixo; myekeni. |
| 18 |
| Igabadele imithayi yabo; bahenyuza behenyuzile; ziluthande nzulu ucukucezo iingweletshetshe zabo. |
| 19 |
| Umoya umbambile ngamaphiko awo; baya kudana yimibingelelo yabo. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/hosea/004.mp3
14
4