|
| 1 |
|
| Bathetha ooMiriyam noAron ngoMoses ngenxa yendawo yenkazana engumKushikazi abeyizekile: ngokuba wayezeke inkazana engumKushikazi. |
|
| 2 |
|
| Bathi, UYehova uthethe ngoMoses yedwa yini na? Akathethanga nangathi na? Weva uYehova. |
|
| 3 |
|
| Ke indoda le inguMoses ibilulamile kunene kunabantu bonke abasemhlabeni. |
|
| 4 |
|
| Wathetha uYehova ngesiquphe kuMoses, nakuAron, nakuMiriyam, esithi, Phumani nina nobathathu, nize ententeni yokuhlangana;baphuma bobathathu. |
|
| 5 |
|
| Wehla uYehova ngomqulu welifu, wema emnyango wentente, wabiza ooAron noMiriyam; baphuma bobabini. |
|
| 6 |
|
| Wathi, Khanive amazwi am. Ukuba nithe nanomprofeti kaYehova, ndozazisa kuye ngombono, ndithethe kuye ephupheni. |
|
| 7 |
|
| Akanjalo umkhonzi wam uMoses; unyanisekile yena endlwini yam yonke. |
|
| 8 |
|
| Ndiya kuthetha naye umlomo kumlomo, ngokubonakalayo, kungabi ngantsonkotha; asikhangele yena isimilo sikaYehova.Yini na ukuba ningoyiki ukuthetha ngomkhonzi wam uMoses? |
|
| 9 |
|
| Wavutha umsindo kaYehova kubo, wemka yena. |
|
| 10 |
|
| Lemka ilifu ententeni; yini le? uMiriyam uneqhenqa njengekhephu. Wabheka uAron kuMiriyam; yini? uneqhenqa. |
|
| 11 |
|
| Wathi uAron kuMoses, Tarhu, nkosi yam; musa ukusibeka tyala ngesono esisenzileyo ngokumatha, sonangaso. |
|
| 12 |
|
| Makangaseleba njengofileyo, othi ekuphumeni kwakhe esizalweni sonina abe seledlekile isiqingatha senyama yakhe. |
|
| 13 |
|
| Wakhala uMoses kuYehova, esithi, Thixo, ndiyakukhunga, khawumphilise. |
|
| 14 |
|
| Wathi uYehova kuMoses, Ukuba uyise ubetshice ukutshica oku ebusweni bakhe, ubengayi kuva ihlazo na iintsuku ezisixhenxe?Makavalelwe imihla ibe sixhenxe ngaphandle kweminquba, emveni koko amkelwe. |
|
| 15 |
|
| Wavalelwa ke uMiriyam ngaphandle kweminquba imihla esixhenxe. Abanduluka abantu, wada wamkelwa uMiriyam. |
|
| 16 |
|
| Emveni koko banduluka abantu eHatseroti, bamisa entlango yaseParan. |
|
|
|
|