IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
| 2 |
| Thetha koonyana bakaSirayeli, uthabathe kubo iintonga:intonga ngokwendlu yooyise, kwiinkulu zabo zonke ngokwezindlu zooyise, iintonga ezilishumi elinambini, ubhale igama lalowo nalowo entongeni yakhe. |
| 3 |
| Wobhala igama lika-Aron entongeni yakwaLevi; kuba yoba nye intonga yentloko yendlu yooyise. |
| 4 |
| Uze uzibeke ententeni yokuhlangana phambi kwesingqino, apho ndihlangana nani khona. |
| 5 |
| Kothi indoda endinyule yona, intonga yayo idubule;ndikuphelise phambi kwam ukukrokra koonyana bakaSirayeli, ababenikrokrela ngako. |
| 6 |
| Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli; zonke iinkulu zabo zamnika iintonga nganye, intonga yanye kwinkulu, ngokwezindlu zooyise, zalishumi elinambini iintonga. Intonga ka-Aron yabe iphakathi kweentonga zazo. |
| 7 |
| Wazibeka uMoses iintonga phambi koYehova, ententeni yesingqino. |
| 8 |
| Kwathi ngengomso, wangena uMoses ententeni yesingqino;nantso intonga ka-Aron, wendlu kaLevi, idubule yaphuma amathupha, yatyatyamba iintyantyambo, zavuthwa iiamangile. |
| 9 |
| Waphuma uMoses neentonga zonke, evela kuYehova weza nazo koonyana bonke bakaSirayeli. Bakhangela, bathabatha elowo intonga yakhe. |
| 10 |
| Wathi uYehova kuMoses, Yibuyisele intonga ka-Aron phambi kwesingqino igcinwe, ukuba ibe ngumqondiso kwabaneenkani, ukuphelise ukukrokra kwabo phambi kwam, bangafi. |
| 11 |
| Wenza ke uMoses; njengoko uYehova abemwisele umthetho, wenjenjalo. |
| 12 |
| Bathetha oonyana bakaSirayeli kuMoses, bathi, Yabona, siyabhubha, siyaphela, siyaphela sonke. |
| 13 |
| Bonke abasondelayo, abasondela emnqubeni kaYehova, baya kufa. Siya kubhubha sigqibele na? |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/numbers/017.mp3
36
17