|
| 1 |
|
| Zasondela iintombi zikaTselofehadi, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, zomzalwane kaManase, unyana kaYosefu. Ngawo ke la amagama eentombi zakhe ezo: uMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa. |
|
| 2 |
|
| Zema phambi koMoses naphambi koElazare umbingeleli, naphambi kwezikhulu zebandla lonke emnyango wentente yokuhlangana, zathi, |
|
| 3 |
|
| Ubawo wafela entlango; yena wayengekho phakathi kwebandla labahlanganayo ngoYehova ebandleni likaKora; ngokuba wafa ngesakhe isono, engabanga nanyana. |
|
| 4 |
|
| Yini na ke ukuba igama likabawo licinywe phakathi kwemizalwane yakhe, kuba engenanyana? Sinike ilifa phakathi kwabazalwana bakabawo. |
|
| 5 |
|
| UMoses wasibeka isimangalo sazo phambi koYehova. |
|
| 6 |
|
| Wathetha uYehova kuMoses wathi, |
|
| 7 |
|
| Iintombi zikaTselofehadi zilungisile ukuthetha; wozinika ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulihambisele kuzo ilifa likayise; |
|
| 8 |
|
| uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Xa ithe yafa indoda, ingenanyana, nolihambisela ilifa layo kwintombi yayo. |
|
| 9 |
|
| Ke ukuba ithe ayaba nantombi, nolinika abazalwana bayo ilifa layo. |
|
| 10 |
|
| Ukuba ithe ayaba nabazalwana, nolinika abazalwana bakayise ilifa layo. |
|
| 11 |
|
| Ukuba uyise uthe akaba nabazalwana, ilifa layo nolinika umzalwana wayo okufuphi kuyo emizalwaneni yayo, alidle ilifa.Woba ngummiselo ke wokugweba lowo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses. |
|
| 12 |
|
| Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uye kule ntaba yeAbharim, ulikhangele ilizwe endilinike oonyana bakaSirayeli, ulikhangele; |
|
| 13 |
|
| uhlanganiselwe kwabakowenu nawe, njengokuba wahlanganiselwayo kubo uAron, umkhuluwa wakho; |
|
| 14 |
|
| njengokuba nawuphikisayo umlomo wam entlango yeTsin, embambanweni yebandla, endaweni yokundingcwalisa emanzini emehlweni abo. Lawo ngamanzi embambano aseKadeshe, entlango yeTsin. |
|
| 15 |
|
| Wathetha uMoses kuYehova, esithi, |
|
| 16 |
|
| UYehova, uThixo woomoya benyama yonke, makamise indoda yokuvelela ibandla; |
|
| 17 |
|
| eya kuphuma phambi kwabo, ingene phambi kwabo, ibakhuphe, ibangenise; lingabi njengezimvu ezingenamalusi ibandla likaYehova. |
|
| 18 |
|
| Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele uYoshuwa, unyana kaNun, indoda okuyo umoya, ucinezele ngesandla sakho phezu kwakhe, |
|
| 19 |
|
| ummise phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke, umwisele umthetho emehlweni abo; |
|
| 20 |
|
| uthabathe kwindili yakho, ubeke phezu kwakhe, ukuze limve lonke ibandla loonyana bakaSirayeli. |
|
| 21 |
|
| Maze eme phambi koElazare umbingeleli, yena ambuzele ukugweba kweeUrim phambi koYehova, baphume ngokomlomo wakhe, bangene ngokomlomo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli ndawonye naye, nebandla lonke. |
|
| 22 |
|
| Wenza ke uMoses njengoko uYehova wamwiselayo umthetho.Wamthabatha uYoshuwa, wammisa phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke; |
|
| 23 |
|
| wacinezela ngezandla zakhe phezu kwakhe, wamwisela umthetho, njengoko uYehova wathethayo ngoMoses. |
|
|
|
|