IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
| 2 |
| Baphindezele kumaMidiyan oonyana bakaSirayeli, ngento awayenza kubo; emveni koko wohlanganiselwa ebantwini bakowenu. |
| 3 |
| Wathetha ke uMoses ebantwini, esithi, Makuxhobe amadoda kuni, aphume umkhosi aye kumaMidiyan, enze impindezelo kaYehova kumaMidiyan; |
| 4 |
| iwaka esizweni, iwaka esizweni, ezizweni zonke zakwaSirayeli, nowathuma aphume umkhosi. |
| 5 |
| Kwakhutshwa ke emawakeni akwaSirayeli iwaka esizweni, iwaka esizweni, alishumi elinamabini amawaka, exhobele ukuphuma umkhosi. |
| 6 |
| Wawathuma uMoses, yaliwaka esizweni, ukuba aphume umkhosi;wona enoPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, aphume umkhosi eneempahla ezingcwele, namaxilongo okuhlaba umkhosi esandleni sakhe. |
| 7 |
| Aphuma ke umkhosi, aya kumaMidiyan, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, ayibulala yonke into eyindoda. |
| 8 |
| Ababulala ookumkani bamaMidiyan ndawonye nababuleweyo babo, uEvi, noRekem, noTsure, noHure, noRebha, ookumkani abahlanu bamaMidiyan; noBhileham, unyana kaBhehore, ambulala ngekrele. |
| 9 |
| Oonyana bakaSirayeli babathimba abafazi bakwaMidiyan, neentsapho zabo; namaqegu abo onke, nemfuyo yabo yonke, nobutyebi babo bonke babuphanga. |
| 10 |
| Bayitshisa ngomlilo imizi yabo yonke ezindaweni zokuhlala kwabo, neengqili zabo zonke; |
| 11 |
| bawathabatha onke amaxhoba nezinto zonke eziphangiweyo, awabantu naweenkomo. |
| 12 |
| Babazisa abathinjiweyo, namaxhoba, nempahla ephangiweyo, kuMoses nakuElazare umbingeleli, nakwibandla loonyana bakaSirayeli eminqubeni, ezinkqantoshini zakwaMowabhi, ezingaseYordan malunga neYeriko. |
| 13 |
| Baphuma ooMoses noElazare umbingeleli nezikhulu zonke zebandla, baya kubakhawulela ngaphandle kweminquba. |
| 14 |
| UMoses wanoburhalarhume kubo abaveleli bomkhosi, abathetheli-waka nabathetheli-khulu, ababevela emkhosini waloo mfazwe. |
| 15 |
| Wathi uMoses kubo, Niwasindisile na onke amankazana? |
| 16 |
| Yabonani, ngawo la athi ngelizwi likaBhileham amenezisa oonyana bakaSirayeli kuYehova ngenxa kaPehore, kwabakho isibetho ebandleni likaYehova. |
| 17 |
| Yibulaleni ngoko yonke into eyindoda ezintsatsheni;namankazana onke ayazileyo indoda ngokulala nayo wabulaleni. |
| 18 |
| Ke zonke iintsapho emankazaneni ezingalalanga nandoda, zisindiseni. |
| 19 |
| Ke nina misani iintente ngaphandle kweminquba iintsuku ezisixhenxe. Bonke ababulele umntu, bonke abachukumise obuleweyo, nozihlambulula isono ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe, nina nabo nibathimbileyo. |
| 20 |
| Neengubo zonke, neempahla zonke zezikhumba, neento zonke ezenziwe ngoboya bebhokhwe, neempahla zonke zomthi, nozihlambulula. |
| 21 |
| Wathi uElazare umbingeleli kumadoda omkhosi abeye kuloo mfazwe, Nguwo lowo ummiselo womyalelo uYehova ammiseleyo uMoses. |
| 22 |
| Kodwa igolide, nesilivere, nobhedu, nesinyithi, netin, nelothe, |
| 23 |
| yonke into enokumelana nomlilo, noyicandisa emlilweni, ihlambuluke, kodwa ke ihlanjululwe ngamanzi okuhlamba ukungcola. Ke yonke into engenako ukumelana nomlilo, noyicandisa emanzini. |
| 24 |
| Ize nihlambe iingubo zenu ngomhla wesixhenxe; nohlambuluka ke, ningene emveni koko eminqubeni. |
| 25 |
| Wathetha uYehova kuMoses, wathi, |
| 26 |
| Bala inani lamaxhoba athinjiweyo, awabantu naweenkomo, wenanoElazare umbingeleli, neentloko zezindlu zooyise zebandla. |
| 27 |
| Uze uwahlule kubini amaxhoba, phakathi kwabayilwileyo imfazwe baphuma umkhosi, nebandla lonke: |
| 28 |
| urhumele uYehova inani kumadoda okulwa aphume umkhosi, umphefumlo ube mnye emakhulwini amahlanu, kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane. |
| 29 |
| Nothabatha esiqingatheni sabo, unike uElazare umbingeleli, ibe ngumrhumo kaYehova. |
| 30 |
| Esiqingatheni soonyana bakaSirayeli wothabatha ibe nye, ekhethiweyo emashumini amahlanu kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane, nakuwo amaqegu onke, unike abaLevi abagcina isigxina somnquba kaYehova. |
| 31 |
| Wenza ke uMoses noElazare umbingeleli njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses. |
| 32 |
| Ke amaxhoba, amasalela ezinto eziphangiweyo, ababeziphangile abantu bomkhosi, aba ngamakhulu omathandathu amawaka, anamanci asixhenxe amawaka, anesihlanu samawaka empahla emfutshane; |
| 33 |
| ngamashumi osixhenxe amawaka, anesibini samawaka eenkomo; |
| 34 |
| ngamashumi omathandathu amawaka, anawaka-nye amaesile; |
| 35 |
| neziqu zabantu emankazaneni angalalanga nandoda, zonke iziqu ngamashumi omathathu anesibini samawaka. |
| 36 |
| Isiqingatha, isabelo sabaphuma umkhosi ngokwenani, saba yimpahla emfutshane engamakhulu omathathu amawaka, anamanci mathathu amawaka, anesixhenxe samawaka, anamakhulu mahlanu; |
| 37 |
| inani likaYehova empahleni emfutshane, ngamakhulu omathandathu, anamanci asixhenxe anantlanu. |
| 38 |
| Iinkomo, ngamashumi omathathu amawaka, anesithandathu samawaka; kuzo, inani likaYehova ngamashumi osixhenxe anambini. |
| 39 |
| Amaesile, ngamashumi omathandathu amawaka, anamakhulu omahlanu; kuwo, inani likaYehova ngamashumi omathandathu ananye. |
| 40 |
| Iziqu zabantu, lishumi elinesithandathu lamawaka; kuzo, inani likaYehova, iziqu zabantu, ngamashumi omathathu anazibini. |
| 41 |
| UMoses inani elo walinika uElazare umbingeleli, ukuba libe ngumrhumo kaYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses. |
| 42 |
| Isiqingatha soonyana bakaSirayeli, awasahlulayo uMoses kweyamadoda abephume umkhosi, |
| 43 |
| isiqingatha esisesebandla, empahleni emfutshane, saba ngamakhulu omathathu amawaka, anamancimathathu amawaka, anesixhenxe samawaka, anamakhulu mahlanu. |
| 44 |
| Iinkomo, ngamashumi omathathu amawaka, anesithandathu samawaka; |
| 45 |
| amaesile, ngamashumi omathathu amawaka, anamakhulu mahlanu; |
| 46 |
| iziqu zabantu, lishumi elinesithandathu lamawaka. |
| 47 |
| Wacaphula uMoses esiqingatheni soonyana bakaSirayeli into ekhethiweyo, yanye emashumini omahlanu ebantwini, nasezinkomeni, wazinika abaLevi, abagcina isigxina somnquba kaYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses. |
| 48 |
| Basondela kuMoses abaveleli ababengabamawaka omkhosi, abathetheli-waka nabathetheli-khulu, |
| 49 |
| bathi kuMoses, Abakhonzi bakho balibalile inani lamadoda okulwa, abesezandleni zethu; akukho nanye indoda engekhoyo kuthi. |
| 50 |
| Sisondeze umsondezo kaYehova, elowo ngokufumana kwakhe, impahla yegolide imixhaka, nezacholo, nemisesane yokutywina, namajikazi, nezidanga, ukuba siyicamagushele imiphefumlo yethu phambi koYehova. |
| 51 |
| Wayithabatha uMoses noElazare umbingeleli igolide kubo, yonke impahla esetyenziweyo. |
| 52 |
| Yonke igolide yomrhumo ababeyirhumele uYehova yaba ziishekele ezilishumi elinesithandathu lamawaka, anamakhulu osixhenxe, anamanci mahlanu, evela kubathetheli-waka, evela kubathetheli-khulu. |
| 53 |
| Wona amadoda abephume umkhosi abezithimbele. |
| 54 |
| Wayithabatha uMoses noElazare umbingeleli igolide kubathetheli-waka nakubathetheli-khulu, bayingenisa ententeni yokuhlangana. Yaba sisikhumbuzo soonyana bakaSirayeli phambi koYehova. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/numbers/031.mp3
36
31