|
| 1 |
|
| Zizo ezi iimfuduka zoonyana bakaSirayeli, abaphumayo ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo, ngesandla sikaMoses noAron. |
|
| 2 |
|
| UMoses wakubhala ukuphuma kwabo ngokweemfuduka zabo, ngokomlomo kaYehova. Zizo ke ezi iimfuduka zabo ngokuphuma kwabo: |
|
| 3 |
|
| Banduluka eRameses ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yokuqala; ngengomso emva kwepasika, baphuma oonyana bakaSirayeli ngesandla esiphakamileyo, emehlweni amaYiputa onke. |
|
| 4 |
|
| AmaYiputa ayengcwaba abo wababethayo uYehova kuwo, bonke abamazibulo; nasezithixweni zabo uYehova wenza izigwebo. |
|
| 5 |
|
| Banduluka oonyana bakaSirayeli eRameses, bamisa iintente eSukoti. |
|
| 6 |
|
| Banduluka eSukoti, bamisa e-Etam, esesiphelweni sentlango. |
|
| 7 |
|
| Banduluka e-Etam, babuyela ngasePihahiroti, ephambi kweBhahali-tsefon, bamisa phambi kweMigidoli. |
|
| 8 |
|
| Banduluka phambi kweHahiroti, baluwela ulwandle, baya entlango; bahamba uhambo lweemini ezintathu entlango ye-Etam, bamisa eMara. |
|
| 9 |
|
| Banduluka eMara, bafika e-Elim; kwakukho e-Elim apho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi asixhenxe, bamisa khona. |
|
| 10 |
|
| Banduluka e-Elim, bamisa ngaseLwandle oluBomvu. |
|
| 11 |
|
| Banduluka eLwandle oluBomvu, bamisa entlango yeSin. |
|
| 12 |
|
| Banduluka entlango yeSin, bamisa eDofeka. |
|
| 13 |
|
| Banduluka eDofeka, bamisa eAlushe. |
|
| 14 |
|
| Banduluka eAlushe, bamisa eRefidim, apho kwakungekho manzi okuba abantu basele. |
|
| 15 |
|
| Banduluka eRefidim, bamisa entlango yeSinayi. |
|
| 16 |
|
| Banduluka entlango yeSinayi, bamisa eKibroti-hatahava. |
|
| 17 |
|
| Banduluka eKibroti-hatahava, bamisa eHatseroti. |
|
| 18 |
|
| Banduluka eHatseroti, bamisa eRitema. |
|
| 19 |
|
| Banduluka eRitema, bamisa eRimon-peretse. |
|
| 20 |
|
| Banduluka eRimon-peretse, bamisa eLibhena. |
|
| 21 |
|
| Banduluka eLibhena, bamisa eRisa. |
|
| 22 |
|
| Banduluka eRisa, bamisa eKehelata. |
|
| 23 |
|
| Banduluka eKehelata, bamisa entabeni yeShefere. |
|
| 24 |
|
| Banduluka entabeni yeShefere, bamisa eHarada. |
|
| 25 |
|
| Banduluka eHarada, bamisa eMakeloti. |
|
| 26 |
|
| Banduluka eMakeloti, bamisa eTahati. |
|
| 27 |
|
| Banduluka eTahati, bamisa eTara. |
|
| 28 |
|
| Banduluka eTara, bamisa eMiteka. |
|
| 29 |
|
| Banduluka eMiteka, bamisa eHashemona. |
|
| 30 |
|
| Banduluka eHashemona, bamisa eMoseroti. |
|
| 31 |
|
| Banduluka eMoseroti, bamisa eBhene-yahakan. |
|
| 32 |
|
| Banduluka eBhene-yahakan, bamisa emqolombeni waseGidegadi. |
|
| 33 |
|
| Banduluka emqolombeni waseGidegadi, bamisa eYotebhata. |
|
| 34 |
|
| Banduluka eYotebhata, bamisa eAbrona. |
|
| 35 |
|
| Banduluka eAbrona, bamisa e-Etsiyon-gebhere. |
|
| 36 |
|
| Banduluka e-Etsiyon-gebhere, bamisa entlango yeTsin eyiKadeshe. |
|
| 37 |
|
| Banduluka eKadeshe, bamisa entabeni yeHore, esiphelweni selizwe lwakwaEdom. |
|
| 38 |
|
| Wenyuka uAron, umbingeleli, waya entabeni yeHore ngokomlomo kaYehova, wafela khona ngomnyaka wamashumi amane wokuphuma koonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa, ngenyanga yesihlanu, ngolokuqala enyangeni leyo. |
|
| 39 |
|
| UAron wayeminyaka ilikhulu linamanci mabini anamithathu ezelwe, ekufeni kwakhe entabeni yeHore. |
|
| 40 |
|
| Weva umKanan, ukumkani waseAradi, owayehleli kwelisezantsi ezweni lakwaKanan ukuba bafikile oonyana bakaSirayeli. |
|
| 41 |
|
| Banduluka entabeni yeHore, bamisa eTsalimona. |
|
| 42 |
|
| Banduluka eTsalimona, bamisa ePunon. |
|
| 43 |
|
| Banduluka ePunon, bamisa eObhoti. |
|
| 44 |
|
| Banduluka eObhoti, bamisa eIye-abharim, emdeni wakwaMowabhi. |
|
| 45 |
|
| Banduluka eIyim, bamisa eDibhon yakwaGadi. |
|
| 46 |
|
| Banduluka eDibhon yakwaGadi, bamisa eAlimon-dihlatayim. |
|
| 47 |
|
| Banduluka eAlimon-dihlatayim, bamisa ezintabeni zeAbharim phambi kweNebho. |
|
| 48 |
|
| Banduluka ezintabeni zeAbharim, bamisa ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko, |
|
| 49 |
|
| Bamisa ngaseYordan, bethabathela kwiBhete-yeshimoti, besa kwiAbhele-shitim ezinkqantosini zakwaMowabhi. |
|
| 50 |
|
| Wathetha uYehova kuMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko, esithi, |
|
| 51 |
|
| Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nangena ezweni lakwaKanan, |
|
| 52 |
|
| nobagqogqa bonke abemi belo zwe phambi kwenu, niwachithe onke amatye angumfanekiso, nemifanekiso yabo yonke etyhidiweyo niyichithe, nazo zonke iziganga zabo nizitshabalalise; |
|
| 53 |
|
| nilihluthe ilizwe, nihlale kulo; kuba ndininikile ilizwe eli, ukuba nime kulo. |
|
| 54 |
|
| Nize nilabe ilizwe ngamaqashiso ngokwemizalwane yenu.Omninzi nolenza lininzi ilifa lawo, omncinane nilenze lincinane ilifa lawo; ingulowo ube sendaweni elothiliwe kuyo iqashiso lawo. Nolidla ilifa ngokwezizwe zooyihlo. |
|
| 55 |
|
| Ukuba anithanga nibagqogqe abemi belizwe phambi kwenu, kothi abo nibasalisileyo babengameva emehlweni enu, neemviko emacaleni enu, banibandezele ezweni enihleli kulo. |
|
| 56 |
|
| Kothi, njengoko ndagqibayo ukwenza kubo, ndenze ngako nakuni. |
|
|
|
|