|
| 1 |
|
| Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
|
| 2 |
|
| Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Indoda, nokuba yinkazana, xa ithe yazibalulela esibhambathisweni, esibhambathisweni sozahlulileyo, ezahlulela kuYehova, |
|
| 3 |
|
| wozahlula ewayinini nakwisiselo esinxilisayo, angaseli viniga yawayini, naviniga yasiselo sinxilisayo, angaseli nancindi yazidiliya, angadli zidiliya zimanzi nadiliya zomileyo; |
|
| 4 |
|
| yonke imihla yokuzahlula kwakhe aze angadli nto yenziweyo ngomdiliya, ethabathela ezinkozweni ese exolweni. |
|
| 5 |
|
| Yonke imihla yesibhambathiso sokuzahlula kwakhe, isitshetshe masingahambi entlokweni yakhe; ide izaliseke imihla azahlulele kuYehova, woba ngcwele, aziyeke iinwele zentloko yakhe, zihlume ziyakazele. |
|
| 6 |
|
| Yonke imihla yokuzahlulela kwakhe kuYehova, aze angasondeli kofileyo; |
|
| 7 |
|
| angazenzi nqambi ngoyise nangonina, ngomzalwana wakhe nangodade wabo, ekufeni kwabo; ngokuba imbasa yoThixo wakhe iphezu kwentloko yakhe. |
|
| 8 |
|
| Yonke imihla yokuzahlula kwakhe ungcwele kuYehova. |
|
| 9 |
|
| Xa kuthe kwafa ubani ngakuye ngephanyazo ngesiquphe, wayenza inqambi intloko yokuzahlula kwakhe, woyicheba intloko yakhe ngomhla wokuhlanjululwa kwakhe, ayichebe ngomhla wesixhenxe. |
|
| 10 |
|
| Ngomhla wesibhozo maze azise amahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, kumbingeleli emnyango wentente yokuhlangana. |
|
| 11 |
|
| Umbingeleli wolenza elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo, amcamagushele, ngokokuba wonile ngofileyo;ayingcwalise intloko yakhe ngaloo mhla. |
|
| 12 |
|
| Woyahlulela kuYehova imihla yokuzahlula kwakhe, azise imvana emnyaka mnye, ibe lidini letyala. Ke imihla yangaphambili ize ingabalwa, ngokuba kwaba yinqambi ukuzahlula kwakhe. |
|
| 13 |
|
| Nguwo lo umyalelo wozahluleyo: Ngemini yokuzaliseka kwemihla yokuzahlula kwakhe, woziswa emnyango wentente yokuhlangana. |
|
| 14 |
|
| Aze asondeze umsondezo wakhe kuYehova, imvana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini elinyukayo; nemvanazana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini lesono; nenkunzi yemvu egqibeleleyo, ibe nye, ibe ngumbingelelo woxolo; |
|
| 15 |
|
| nengobozi yemiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli; nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswe ioli; neminikelo yawo yokudla, neminikelo yawo ethululwayo. |
|
| 16 |
|
| Wosondeza ke umbingeleli phambi koYehova, enze idini lakhe lesono nedini lakhe elinyukayo; |
|
| 17 |
|
| inkunzi yemvu ayenze umbingelelo woxolo kuYehova, kunye nengobozi yezonka ezingenagwele; awenze umbingeleli umnikelo wakhe wokudla, nomnikelo wakhe othululwayo. |
|
| 18 |
|
| Womcheba ozahluleyo intloko yokuzahlula kwakhe emnyango wentente yokuhlangana, athabathe iinwele zentloko yokuzahlula kwakhe, azifake emlilweni ongaphantsi kombingelelo woxolo. |
|
| 19 |
|
| Wowuthabatha umbingeleli umkhono ophekiweyo wenkunzi yemvu, nomqhathane ongenagwele ube mnye engobozini, nesonkana esisicaba esingenagwele sibe sinye, azibeke ezandleni zozahluleyo, emva kokuyicheba intloko yokuzahlula kwakhe; |
|
| 20 |
|
| azitshangatshangise umbingeleli, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova. Zingcwele ezo kumbingeleli, kunye nencum yedini lokutshangatshangisa, kunye nomlenze womrhumo. Emveni koko ozahluleyo angayisela iwayini. |
|
| 21 |
|
| Nguwo lowo umyalelo wozahluleyo, obhambathisa umsondezo wakhe kuYehova ngenxa yokuzahlula kwakhe, ngaphandle koko sinokufikelela kuko isandla sakhe; ngokwesibhambathiso sakhe abesibhambathisile, makenjenjalo ngokomyalelo wokuzahlula kwakhe. |
|
| 22 |
|
| Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
|
| 23 |
|
| Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Ize nenjenje ukubasikelela oonyana bakaSirayeli, nithi kubo, |
|
| 24 |
|
| Makakusikelele uYehova, akugcine; |
|
| 25 |
|
| Makabukhanyise uYehova ubusobakhe kuwe, akubabale; |
|
| 26 |
|
| Makabuphakamisele uYehova ubuso bakhe kuwe, akunike uxolo. |
|
| 27 |
|
| Mabalibeke ke igama lam phezu koonyana bakaSirayeli; mna ndiya kubasikelela. |
|
|
|
|