|
| 1 |
|
| Waphendula uYesu, wabuya wathetha kubo ngemizekeliso, esithi, |
|
| 2 |
|
| Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe. |
|
| 3 |
|
| Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka abavuma ukuza. |
|
| 4 |
|
| Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile;iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni. |
|
| 5 |
|
| Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe. |
|
| 6 |
|
| Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala. |
|
| 7 |
|
| Evile ke ukumkani, waqumba, wayikhupha imikhosi yakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo. |
|
| 8 |
|
| Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile. |
|
| 9 |
|
| Yiyani ngoko ezintlanganweni zeendlela, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni. |
|
| 10 |
|
| Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanayo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo. |
|
| 11 |
|
| Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho. |
|
| 12 |
|
| Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenayo ingubo yomsitho? Lamkhohla ke. |
|
| 13 |
|
| Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. |
|
| 14 |
|
| Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo. |
|
| 15 |
|
| Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe. |
|
| 16 |
|
| Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu. |
|
| 17 |
|
| Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na? |
|
| 18 |
|
| Ke kaloku, eyazi uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini? |
|
| 19 |
|
| Ndiboniseni iqhosha lerhafu. Bamzisela ke idenariyo. |
|
| 20 |
|
| Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? |
|
| 21 |
|
| Bathi kuye, NgokaKesare. Andule ukuthi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo. |
|
| 22 |
|
| Bakuva bamangaliswa, basuka bamshiya, bemka. |
|
| 23 |
|
| Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, abathi akukho luvuko;bambuza, |
|
| 24 |
|
| besithi, Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. |
|
| 25 |
|
| Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe. |
|
| 26 |
|
| Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe. |
|
| 27 |
|
| Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi. |
|
| 28 |
|
| Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? Kuba babenaye bonke. |
|
| 29 |
|
| Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo. |
|
| 30 |
|
| Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini. |
|
| 31 |
|
| Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi, |
|
| 32 |
|
| Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo. |
|
| 33 |
|
| Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe. |
|
| 34 |
|
| Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubethe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye. |
|
| 35 |
|
| Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi, |
|
| 36 |
|
| Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na? |
|
| 37 |
|
| Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. |
|
| 38 |
|
| Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. |
|
| 39 |
|
| Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. |
|
| 40 |
|
| Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti. |
|
| 41 |
|
| Bakubon ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, uYesu wabuza kubo, |
|
| 42 |
|
| esithi, Nithini na nina ngaye uKristu? Ungunyana kabani na? Bathi kuye, KaDavide. |
|
| 43 |
|
| Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi, |
|
| 44 |
|
| Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? |
|
| 45 |
|
| Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, ungunyana wakhe ngani na? |
|
| 46 |
|
| Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli;kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto. |
|
|
|
|