|
| 1 |
|
| Ke kaloku, ekupheleni kwesabatha, ekuseni ngolokuqala usuku lweveki, kweza uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beza kulikhangela ingcwaba. |
|
| 2 |
|
| Kwasuka kwabakho unyikimo olukhulu; kuba kwakuhle isithunywa seNkosi emazulwini, seza saliqengqa ilitye lesuka emnyango, sahlala phezu kwalo. |
|
| 3 |
|
| Ukubonakala kwaso ke kwaye kunjengombane, nesambatho saso saye simhlophe njengekhephu. |
|
| 4 |
|
| Ngokoyika sona ke bangcangcazela abalindi, baba njengabafileyo. |
|
| 5 |
|
| Saphendula ke isithunywa sathi kubafazi abo, Musani ukoyika nina; kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu, lowo ubebethelelwe emnqamlezweni. |
|
| 6 |
|
| Akakho apha; kuba uvukile, njengoko watshoyo; yizani niyibone indawo apho ibilele khona iNkosi. |
|
| 7 |
|
| Yiyani ngokukhawuleza, nibaxelele abafundi bakhe ukuthi uvukile kwabafileyo; niyabona, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho. Yabonani, ndinixelele. |
|
| 8 |
|
| Bephume kamsinya engcwabeni, benokoyika nokuvuya okukhulu, bagidima baya kubabikela abafundi bakhe. |
|
| 9 |
|
| Ke kaloku, xa baya kubabikela abafundi bakhe, wathi thu uYesu, wabahlangabeza, esithi, Vuyani. Beza ke bambamba ngeenyawo, baqubuda kuye. |
|
| 10 |
|
| Aze athi uYesu kubo, Musani ukoyika; yiyani kubatyela abazalwana bam ukuba baye eGalili; bondibona khona apho. |
|
| 11 |
|
| Bakubon ukuba bayaya ke, kwesuka kwafika abathile babalindi kuwo umzi, bababikela ababingeleli abakhulu zonke izinto ezenzekileyo. |
|
| 12 |
|
| Bathe bona, bakuhlanganisana namadoda amakhulu, bakubhunga, bawanika imali eninzi amasoldati lawo, |
|
| 13 |
|
| besithi, Ze nithi, Abafundi bakhe beza ngobusuku, bamba silele. |
|
| 14 |
|
| Nokuba ithe yavakala le nto kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, senze ningabi naxhala nina. |
|
| 15 |
|
| Ayithabatha ke imali leyo, enza njengoko abexelelwe ngako.Laza elo zwi laduma kumaYuda, kwada kwanamhlanje. |
|
| 16 |
|
| Bahamba ke abafundi abalishumi eli namnye, baya kwelaseGalili, kuloo ntaba wayebayalele yona uYesu. |
|
| 17 |
|
| Baza bakumbona baqubuda kuye; ke inxenye yathandabuza. |
|
| 18 |
|
| Weza uYesu wathetha kubo, esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini. |
|
| 19 |
|
| Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; |
|
| 20 |
|
| nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli. Amen. |
|
|
|
|