|
| 1 |
|
| Waza uYesu wenyuswa nguMoya, wasiwa entlango, ukuba ahendwe nguMtyholi. |
|
| 2 |
|
| Uthe akuba ezile ukudla iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, ekupheleni kwazo walamba. |
|
| 3 |
|
| Efikile ke umhendi kuye, uthe, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka. |
|
| 4 |
|
| Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo. |
|
| 5 |
|
| Eze uMtyholi, amthabathe amse kuwo umzi ongcwele, ammise eluchochoyini lwetempile, athi ke kuye, |
|
| 6 |
|
| Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini, Zikufukule ngezandla, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni. |
|
| 7 |
|
| Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kanjalo kwathiwa, Uze ungayihendahendi iNkosi uThixo wakho. |
|
| 8 |
|
| Ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo; |
|
| 9 |
|
| athi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum. |
|
| 10 |
|
| Aze athi uYesu kuye, Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa. |
|
| 11 |
|
| Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela. |
|
| 12 |
|
| Ke kaloku, akuva uYesu ukuba uYohane unikelwe entolongweni, wemka waya kwelaseGalili. |
|
| 13 |
|
| Wathi esukile eNazarete, weza wahlala eKapernahum engaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali; |
|
| 14 |
|
| ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, |
|
| 15 |
|
| Umhlaba wakwaZebhulon nomhlaba wakwaNafetali, Wendlela yaselwandle, phesheya kweYordan, WaseGalili yeentlanga, |
|
| 16 |
|
| Abantu abo bahleli ebumnyameni Babone ukukhanya okukhulu;Nabo bahleli ezweni nasethunzini lokufa Bavelelwe kukukhanya. |
|
| 17 |
|
| Waqala oko uYesu ukumemeza, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele. |
|
| 18 |
|
| Uthe ke uYesu, ehamba ngaselwandle lwaseGalili wabona abazalwana ababini, uSimon ekuthiwa nguPetros noAndreya, umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; kuba babengababambisi beentlanzi. |
|
| 19 |
|
| Athi ke kubo, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu. |
|
| 20 |
|
| Bayishiya kwaoko iminatha, bamlandela ke. |
|
| 21 |
|
| Uhambele phambili esuka apho, wabona abanye abazalwana ababini, uYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe, besemkhombeni noZebhedi uyise, belungisa iminatha yabo;wababiza ke. |
|
| 22 |
|
| Bawushiya kwaoko umkhombe noyise, bamlandela ke. |
|
| 23 |
|
| Waye uYesu elihamba lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini. |
|
| 24 |
|
| Lwaphuma ke udumo lwakhe lwaya kulo lonke elaseSiriya, babazisa kuye bonke abafayo, bebanjwe zizifo ngezifo naziintuthumbo ngeentuthumbo, nabaphethwe ziidemon, nabanesathuthwane, nabanedumbe, wabaphilisa ke. |
|
| 25 |
|
| Walandelwa zizihlwele ezininzi zivela kwelaseGalili, naseDekapoli, naseYerusalem, nakwelakwaYuda, naphesheya kweYordan. |
|
|
|
|