|
| 1 |
|
| Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa. |
|
| 2 |
|
| Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani;nangomlinganiselo enilinganisela abanye ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani. |
|
| 3 |
|
| Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi wona umqadi okwelakho iliso? |
|
| 4 |
|
| Okanye ungathini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nango umqadi kwelakho iliso? |
|
| 5 |
|
| Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho. |
|
| 6 |
|
| Musani ukukunika izinja okungcwele, kanjalo ningaziphosi iiperile zenu phambi kweehagu, hleze zizinyathele ngamanqina azo, zijike ziniqwenge. |
|
| 7 |
|
| Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa; |
|
| 8 |
|
| kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa. |
|
| 9 |
|
| Nguwuphi na umntu kuni ongathi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye? |
|
| 10 |
|
| Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka? |
|
| 11 |
|
| Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo? |
|
| 12 |
|
| Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oko kungumthetho nabaprofeti. |
|
| 13 |
|
| Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo. |
|
| 14 |
|
| Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini;bambalwa ke abalifumanayo. |
|
| 15 |
|
| Ke kaloku balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo. |
|
| 16 |
|
| Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Kukha kukhiwe iidiliya emithaneni enameva, namakhiwane ezinkunzaneni, yini na? |
|
| 17 |
|
| Ngokunjalo yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi. |
|
| 18 |
|
| umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle. |
|
| 19 |
|
| Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni. |
|
| 20 |
|
| Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo. |
|
| 21 |
|
| Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini. |
|
| 22 |
|
| Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon, sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi? |
|
| 23 |
|
| Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho. |
|
| 24 |
|
| Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo. |
|
| 25 |
|
| Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni. |
|
| 26 |
|
| Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo. |
|
| 27 |
|
| Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yabetha kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ke isiwo sayo. |
|
| 28 |
|
| Kuthe ke, xenikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, zakhwankqiswa iindimbane kukufundisa kwakhe; |
|
| 29 |
|
| kuba ebezifundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali. |
|
|
|
|