IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Kwakubon ukuba uyaphuma etempileni, uthi omnye umfundi wakhe kuye, Mfundisi, uyawabona na la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka? |
| 2 |
| Waphendula uYesu wathi kuye, Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa. |
| 3 |
| Baye, akubon ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma malungana netempile, bembuza ngasese ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi, |
| 4 |
| Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba uya kuba yini na umqondiso, xa zonke ezo zinto ziza kupheliswa. |
| 5 |
| Wabaphendula ke uYesu waqala ukuthi, Lumkani ningalahlekiswa bani; |
| 6 |
| kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye uKristu, balahlekise into eninzi. |
| 7 |
| Xa nithe neva iimfazwe namarhe eemfazwe, musani kuba navuso; kuba ezo zinto zimelwe kukuhla, ukanti kona ukuphela akukabikho; |
| 8 |
| kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho neendlala neenkathazeko;ziingqaleko ke zenimba ezo. |
| 9 |
| Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo. |
| 10 |
| Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga. |
| 11 |
| Xa sukuba ke benirhola beya kuninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga nto. Into enithe nayinikwa ngelo xa, thethani yona;kuba asinini enithethayo, nguMoya oyiNgcwele. |
| 12 |
| Ke kaloku, umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana, bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise; |
| 13 |
| nithiywe ngabantu bonke, ngenxa yegama lam. Ke onyamezelayo kude kube sekupheleni, lowo wosindiswa. |
| 14 |
| Ke kaloku, xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi apho lingamele kuba khona (olesayo makaqiqe), mabathi ngelo xa abo bakwaYuda basabele ezintabeni. |
| 15 |
| Ophezu kwendlu ke makangehli aye endlwini, angangeni aye kuthabatha into endlwini yakhe. |
| 16 |
| Nalowo usentsimini makangabuyeli emva, aye kuthabatha ingubo yakhe. |
| 17 |
| Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla! |
| 18 |
| Thandazani ke, ukuze intsabo yenu ingabi khona ebusika. |
| 19 |
| Kuba yona loo mihla iya kuba yimbandezelo, engazanga ibekho enjalo kwasekuqalekeni kwendalo awayidalayo uThixo, kwada kwakalokunje; engasayi kubuya ibekho. |
| 20 |
| Kanjalo ukuba iNkosi ibingayinqamlelanga loo mihla, bekungayi kubakho mntu usindayo; koko ithe ngenxa yabanyulwa ebanyulileyo, yayinqamlela imihla leyo. |
| 21 |
| Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukukholwa nguye; |
| 22 |
| kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka. |
| 23 |
| Lumkani ke nina; yabonani, ndinixelele izinto zonke ngenxa engaphambili. |
| 24 |
| Ngaloo mihla, emveni kwayo loo mbandezelo, liya kusuka ilanga lenziwe mnyama, ithi nenyanga ingabukhuphi ubumhlophe bayo; |
| 25 |
| zithi neenkwenkwezi zezulu zivuthuluke; athi mamandla asemazulwini azanyazanyiswe. |
| 26 |
| Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli. |
| 27 |
| Uya kuzithuma ngelo xesha izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu. |
| 28 |
| Wufundeni ke kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. |
| 29 |
| Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona ezo zinto zisihla, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. |
| 30 |
| Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho. |
| 31 |
| Liya kudlula izulu nehlabathi, ke wona amazwi am akasayi kudlula. |
| 32 |
| Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise. |
| 33 |
| Lumkani, musani ukulala, thandazani. Kuba anilazi ukuba linini na ixesha elo; |
| 34 |
| njengokuba wathi umntu ehambela kwelinye, eshiya indlu yakhe, wabanika igunya abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe, waza umgcini-mnyango wamwisela umthetho ukuba alinde. |
| 35 |
| Lindani ngoko, ngokuba ningakwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa; |
| 36 |
| hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele. |
| 37 |
| Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/mark/013.mp3
16
13