|
| 1 |
|
| Wabuya wangena endlwini yesikhungu. Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo. |
|
| 2 |
|
| Baye bemlalele, ukuba womphilisa na ngesabatha, ukuze bammangalele. |
|
| 3 |
|
| Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi. |
|
| 4 |
|
| Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na?Ke bahlala bathi tu. |
|
| 5 |
|
| Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, uthi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye. |
|
| 6 |
|
| Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise. |
|
| 7 |
|
| Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya elwandle; yamlandela inkitha eninzi, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaYuda, |
|
| 8 |
|
| naseYerusalem, nakwelakwaIdume, naphesheya kweYordan; nabo bangaseTire nabaseTsidon, inkitha eninzi; bathi, bakuva izinto ezinkulu abezenza, beza kuye. |
|
| 9 |
|
| Wathi kubafundi bakhe, umkhonjana mawuhlale umlindile ngenxa yezihlwele, ukuze bangamxini. |
|
| 10 |
|
| Kuba waphilisa babaninzi, ngokokude bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise bonke ababenezibetho; |
|
| 11 |
|
| nabo oomoya abangcolileyo babesithi, xa sukuba bembona, bawe phantsi kuye, bakhale, besithi, Unguye wena uNyana kaThixo. |
|
| 12 |
|
| Wayebakhalimela kakhulu ukuba bangamtyhili. |
|
| 13 |
|
| Uthi ke anyuke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; besuka beza kuye. |
|
| 14 |
|
| Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo, |
|
| 15 |
|
| babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon. |
|
| 16 |
|
| YanguSimon, awamthiya igama elinguPetros; |
|
| 17 |
|
| yanguYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi, ngabeendudumo; |
|
| 18 |
|
| yanguAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi, lo ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon Kanan, |
|
| 19 |
|
| noYuda Sikariyoti, owamngcatshayo nokumngcatsha. |
|
| 20 |
|
| Bathi beze ekhaya; kubuye kubuthelane izihlwele, ngokokude bangabi nako nokudla isonka. |
|
| 21 |
|
| Bevile abakowabo, baphuma beya kumbamba; kuba babesithi, Uyageza. |
|
| 22 |
|
| Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, UnoBhelezebhule; besithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon. |
|
| 23 |
|
| Uthe ebabizele kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angathini na uSathana ukukhupha uSathana? |
|
| 24 |
|
| Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani; |
|
| 25 |
|
| nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu; |
|
| 26 |
|
| noSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile. |
|
| 27 |
|
| Akukho unako ukuthi impahla yegorha angene endlwini yalo ayiphange, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo, andule ukuyiphanga indlu yalo. |
|
| 28 |
|
| Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo; |
|
| 29 |
|
| ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade. |
|
| 30 |
|
| Watsho kuba besithi, Unomoya ongcolileyo. |
|
| 31 |
|
| Bafika ke kaloku abazalwana bakhe nonina; bathi, bemi ngaphandle, bathumela kuye bembiza. |
|
| 32 |
|
| Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna. |
|
| 33 |
|
| Wabaphendula esithi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam? |
|
| 34 |
|
| Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, uthi, Nanku uma nabazalwana bam. |
|
| 35 |
|
| Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaThixo, lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma. |
|
|
|
|